AmaMpondomise

Elingemvelaphi yamaMpondomise[4] …lisuka…lithi…kwaphuma isizwe…phezulu emachibini elubhelu…eso sizwe…sasisaziwa ngoba ngabaMbo…eso sizwe…saphuma ke apho elubhelu…akucaci nokokuba kus’ke kuthiwe emachibini…kodwa ke ngokungacaci nokokuba kuthethwe eNyasa noba eTanganyika kodwa ke kuthiwa saphum’ emachibini…saza k’ eso sizwe ke sabaMbo sehla sade saza kufikelela eZambesi…sahlala ke kakhulu apho eZambesi…e— kuthe emva kwexesha saliwela iZambesi…nto ke asixelelwa ngokwamabali k’ okokuba yayingubani na inkosi yabaMbo…le ke kanye yahamba yaza kufika eZambesi…singaxelelwa nokuba ke yayingubani na le nkosi yabaMbo yawela…yawel’ iZambesi…kus’ke ke kuthiwe nj’ abaMbo ba— bathi bakuliwel’ iZambesi…bahamba besakha bahamba besakha bade baya kufika…kweli lizwe ngoku kuthiwa linamaZulu…kuthiwa iZululand neSwaziland kuthiwa ke baya kufika apho abaMbo…ke kaloku bakufika ke apho…kuthiwa bafika boyisa…besoyisa is— isizwe…esasingabemi kwelo ‘zwe…eso sizwe ke…e— andicacelwa siso ukuba yayisisiphi na…ingayisisizwe samani na…kodwa ke bafika abaMb’ aba basoyisa k’ eso sizwe baza ke…bangabemi ke ngoku kwelo lizwe eli ke ngoku linamaSwazi namaZulu…xa ke belapho…sixelelwa okokuba kwabakho inkosi enkulu egama linguSibiside…inkosi yabaMbo…le nkosi ke yabaMbo yaba nabafazi abaninzi…nabantwan’ abaninzi…e— abo bantwana ke baloo nkosi ‘se bezizizwe ngezizwe ngoku zabaMbo…e—…kuthiwa kwindlu enkulu yenkosi leyo…yaba ngunyana owayenguNyombose…lo nyana ke…inzala yakhe ise kweliya lakwaZulu nakusasa nje yaziwa ngoba yimiThethwa…ewe…e— imiThethwa ke leyo…yiyo ke…e— eyayakhe kwelo lakwaZulu ukhon’ ukuze kuthe kuze kuvela ke uTshaka[5] …uTshaka ke abengumbusi…kwesi sizwe semiThethwa ngexesha lenkos’ enguDingiswayo…ee kuthe ke…uTshaka k’ eso sizwe semiThethwa ke wasibhukuqa…yandula ke ngoku ukuba eliya ke laseMbo lisentla iphel’ into ekuthiwa kuseMbo…kuthiwe kukwaZulu…uhlobo lalo lalisaziwa ngoba lelaseMbo ngenxa ub’ abaMbo babefike boyisa…kwathi ke ngok’ kwakuvela ke uTshaka lo…ngoku k’ elaa lizwe…uTshaka engowakwaZulu yena…kwathiwa ke ngokw’ elaa lizwe lilonke ukubizwa kwalo kukwaZulu…uTshaka ke…a— yaphikiswa kakhul’ int’ okokuba kuthiwa akakho konke ebumbin’ …’zange abe sisizw— e— akana— wayingenanto nesizwe saseMbo…heke laa nkosi inguSibiside…njengoko ke ndithe yaba noonyan’ abaninzi…yanalo nyana ke ubukhosi baza kubhukuqwa ke nguTshaka…umnombo wobukhosi bakhe kaza kubhukuqwa nguTshaka…e— kwabanyana… baninzi bale nkosi kwabakho amawele…anguMpondomise noMpondo…la mawele ke anguMpondomise noMpondo…e—…athi ukuphuma kwawo apho kwelo lakwaseSwazini ngoku kuba u— i— inxiwa likaSibiside lalisemHlathuze…e— eSwazini…apho umzi wakhe wawukhon’…ithi ke intsomi yasemaMpondomiseni…atsh’ ukuphuma amawele la ukuphum’ apho komkhulu…elinye ke iwele e— kwaqala kwahamba iwele linguMpondo nabaMbo…kungekatshiwo ukuthiwa abalandel’ uba ke ngaba— ngamaMpondo…kusathiwa nj’ abalandel’ uba ke ngabaMbo eyinkosi yena yabaMbo uMpondo…waphuma ke…kwaza ke kwakhona kwaphuma ke ngoku uMpondomise…uMpondomise ke wath’ ukuphuma kwakhe yena weyam’ iintab’ ezi zoLundi…uMpond’ ukuphuma kwakhe apho weyam’ wagudla ulwandle…bathi k’ abaMbo abaphethwe nga— nguMpondo ba— bahamba naye bath’ abaMbo abaphethwe nguMpondomise bahamba naye…ke kaloku ke…abaya ke…baphethwe ke nguMpondo…bathi bakuba bephumile ke apho banobukhos’ babo…banobukhosi babo aba baMbo babephethwe nguMpondo…kwaza ke ngoku kwathi kuzizukulwan’ ezo zikaMpondo…yayekwa…into yokuthiwa ngabaMbo kwathiwa ngamaMpondo…njengoba ke nakusasa nje esaziwa ngoba ngamaMpondo…ke…uMpondo ma’khe ‘se ke ndihambe ngomnombo wakhe…eli wele njalo elincinane…kuba ke noko ke yena ndiza kuhla ndibe ndiphelelwe ngaye…ma’se ke ndihambe ke ngeli cala lamaMpondo ndiye kuligqiba…

 

uMpondo ke…wazala unyana wakhe…onguSihula…
uSihula…wazala…e—…uMkhondwane…
uMkhondwane wazal’ uSukude…
uSukude…e— uzele…e— uZiqelekaz’— uHlambangobubende uHlambangobubende…
uHlambangobubende uzel’ uHlamandana…
uHlamandana uzele e—…uTobe…
uTobe wazal’ uMsiza…
uMsiza wazal’ uNcindise…
uNcindise ke uzele…e— uCabe…
uCabe wazala…uGangata…
uGangat’ uzel’ uBala…
uBala uzele uChitwayo…
uChitwayo uzele uNdayeni
uNdayeni wazal’ uTahle…
uTahle uzele uNyawuza…
uNyawuza uzele uNgqungqushe
uNgqungqushe wazala uFaku…
uFaku ke uzel’ uMqikela
uMqikela ke uzele uSigcawu
uSigcaw’ uzel’ uPoto

 

lo ke uyikumkani wa— ungu— uyinkosi enkulu kumaMpondo ngoku…ophethe ke eso sizwe…sasiphume noMpondo esesisaziwa ngoba ngoku ngamaMpondo…kungasatshiwo ukuthiwa ngabaMbo…ndibeke ke apho ke kumaMpondo kuba ke anelizwe lawo aye enamabali awo angabaliswa ngawo ke ngoku…okokuba kwabakho le nale kuwo kwelo phakathi kwawo…ndibuye ke…ndize kuwel’ elikhulu eli linguMpondomise…uMpondomise ke ngokaSibiside…’se nditshil’ ukuthi ke uSibiside yayinkosi yaseMbo…yabaMbo…eyayimzi usemHlathuz’…kweli linamaSwazi ngoku…uMpondomise ke…lith’ ibali waphuma ke kowabo…waza…wanomzi kundawo ekuthiwa kuseDedisa…ngoku ke kulaa milambo yeliya laseNatala awusachanwa uba nguwuphi na lo mlambo kwakuthiwa kudala liDedis’…akusekho umlambo ngokubizwa ngelo gam’ kodwa k’ ibali lithi uMpondomise wakha kumf— kumlambo o— o— oliDedis’ apho k’ wafika wakha khona…akub’ akhile ke apho uMpondomise…lithi ke ibali…kulapho ke…kwathiwa aba baMbo…ayinkosi kubo…wath’ ukubizwa kwabo ngamaMpondomise…njengoba kusathiwa ke nakusasa nje abaMbo abo babelandele u— uMpondomise ngamaMpondomise…

 

uMpondomise ke…ingcwaba lakhe lilapho eDedis’…
uMpondomise ke uzele uNdunu…
uNdunu ke ingcwaba lakhe likwa kweliya lizwe laseNatala…
uNdunu uzele uSikhomo…
uSikhomo ke…ingcwaba lakhe likwa kweliya lizwe…

 

 

 

ke uSikhomo lo…abantu bakusasa nje banento yokufun’ ukuba balahleke kakhulu…uSikhomo wasemaMpondomiseni akadibananga nalaa Sikhomo wamaXhosa…owamaXhosa uSikhomo ngokaNgcwangu…uSikhomo lowa semaMpondomiseni ngokaNdunu…emdala kude lee kulaa Sikhomo wakwaXhosa…uSikhomo ke ingcwaba lakhe likwa kwelaa thuba laseNatala…endingazi uba ke kuyiphini indawo asixelelw’ uba ke wayemi kuyiphi n’ indawo…e—
uSikhomo…uzele uNjanye…
uNjanye ke ingcwaba lakhe naye likwa kwelaa thuba laseNatala…
uNjanye ke uzele unyana
ogama linguMalangan’…

 

nguMalangana ke owakhokela esi sizwe sasemaMpondomiseni ukusikhokel’ uba masiwele lo mlambo uMzimkhulu…silishiye eliya ngoku laseNatala…wakhokela ke uMalangana namaMpondomis’ waza kume kule ndawo akuyo ngoku…ukuwela ke kukaMalangan’…lith’ ibali…wawela wakha eBisa…iBisa ke…ngumfula ngoku okusithili saseMbizana…ophuma entabeni ekuthiwa yiNgele…wakh’ apho ke…akwakh’ apho ke uMalangana…lithi ke ibali…wafika apha eMzimkhulu kuhlathi elalingummangaliso…eligama kuthiwa kukuZana…uZana ke…lihlath’ eliseMzimkhulu…ithi k’ intsomi yasemaMpondomiseni…kwafika kwelo hlath’ umntu wehlathi…enyakazela…ubuninzi bakhe…umntu wehlathi ke yingwe…xa kuthiwa umntu wehlath’ kuxelwa ingwe…ke…kwakufikwa ke apha ke ngamaMpondomise…kweli hlathi…ngenxa yokokuba isikhumba sengwe sasilurweb’ olukhulu kuloo mihla…ahlala ke aph’ amaMpondomis’ eBisa ku— kuzingelwa ezi zingwe…izingwe ziqweng’ abantu…izingwe zibulawa…izingwe ziqweng’ izinja ziqweng’ abantu…izingwe zibulawa…ithi ke intsomi uMalangan’…yayi— yinkosi eyayibugqi bubodwa…ewe yayinkos’ enobugqi obukhulu…izinja ezi zakhe njengoko inja ngaloo mihla yayiyintw’ enkulu…zazingayibalek’ ingwe…njengoba inja umthetho wenja kuthi kwakuvel’ ingw’ ibaleke…ezikaMalangana izinja zazingayazi noba yinton’ ingwe zazisilwa nay’ wafik’ umntu ahlabe zisilwa nay’…ngoko ke ngenteth’ evakalayo…kuthiwa yaba imbuq’ enkulu apho…kwelo hlathi ke…uRudulu…owaye nguyisekaz’ apha kuMalangan’…uRudulu…ozala ke esi sizwe kusasa nje kuthiwa ngamaRudulu…uRudulu ke lowo yayinto kaSikhomo…engumntakwaboNjanye…uNjanye k’ unguyise kaMalangan’…uRudulu ke kuthiwa wazi— wazibalula kakhulu ke aph’…kwelo hlathi lakuZan’ ukukhalipha nebandla lakhe…kwaye k’ amakhos’ amaMpondomise kuloo mihla ukuwela kwaw’ uMzimkhulu…yayinguMalangana noRudulu…uMalangana l’ eyinkosi uRudulu lo enguyisekaz’…ingabo k’ ababepheth’ amaMpondomise ukuwela kwaw’ uMzimkhulu…ke uMalangana yayilizingela e— ikhulu kakhulu…zathi ke bakubonakala uba izingwe bazigqibile ngoku phaya…kwafaciswa ke kweli lizwe liphakathi koMtata no— koMtata noMzimkhulu…ngamaMpondomise ke kuzingelwa ke iinyamakaz’…abantu bona balapha ingabaThwa…abaThwa ke abangazange babe namlo namaMpondomise kuba babezihlalela phay’ ezintabani benamaqelana bangamaqelana bekungekho lulo…int’ ekuyiyo bengakadibani konke namaMpondomise kodwa kungekho kulwa kukhoyo…uMalangana ke wahamba wade waya kufika…kumlamb’ oseChizela lo mlambo ke ungaphaya ebaThenjini…apho ke wahamba wahamba wath’ asakufika khona wajika…waphinda waya kutsho kwaseBisa…apho wafela khona…uMalangana ke…za— kuthiwa zazisith’ iimbongi…

 

nguNolanga langen’ endlebeni yendlovu
nguDyamfu waseChizela…uNongawuza
nguNongwe yadl’ ithole…

 

uMalangana wasemaMpondomiseni…ongadibananga mpela nowamaXhosa…kudiben’ amagama qha…hee…akuba ke ebhubhile uMalangan’…washiya unyana wakhe ogama lalinguNtose…owathi ke uNtose lowo waziwa ngoba yenye yenkos’ ezazeka abafaz’ abaninz’…uNtose…ewe eyazek’ abafaz’ abaninzi uNtose…e— phakathi kwamaMpondomise njengoba enzile…amaMpondomise izindlu zamaMpondomis’ eziphume kuNtose…ngamaCwera…ngamaMpinga…ngamaDebeza.. .ngamaNqanda…nezinye ke izizwe ke ezingakhumbulekiyo…kodwa ke ezo zine izizwe zizizwe zizindlu ngamaMpondomise ngoku aphume kwabo bantu amaninzi…ezo zindlu…ezi zine isidukw’ esikhulu manditsh’…ezi zine ‘se izizidukw’ ezikhul’ ezo ngenxa yokuba zininzi…ke…unantsika lo ke uNtose…walibusa ke eli ilizwe lonke lilelakhe…ukusuka eMzimkhulu kume nguMtat’…kusuke eLundin’ lime ngamaMpondo…yalilizwe lakhe ke elo lonke…uMalangana ke unantsika ke u— uNtose…wa— ingcwaba lakhe liseBhisa…kweso sithili saseMbizan’…apho ke…eBhisa…washiya unyan’ ogama linguNgxin’…unyana wakhe…nguNgxina ke owathi wafuduka eBhisa…ukufudusa ikomkhulu…waya kulakha eMatatiele…kwesaa sikolo ngoku kuthiwa kuseMvenyane…wafika wenza ke apho ke ikomkhulu lakhe…akufika ke apho enze ikomkhulu…e— wakuthand’ ukuzingela…njenguyisemkhul’ uMalangana…wathanda kakhulu ukuzingela…nokuman’ ekhuph’ izimpi uba maziyokuzingela…ngelinye ilanga izimpi zakhe ziyokuzingel’ aph’ eLundin’…kwesaa sithili saseMatatiele…kwavuka inyamakazi eyingozi ke kakhulu…umkhombe…”rhinoceros”…ewe wavuka ke umkhombe…umkhombe ke lith’ ibali wawuyingozi kakhulu…ebantwini…kuba ukuwubulala yayiba yintw’ enzim’…wawusithi usakuba ufikile kuwo wenze iintw’ ezinzim’ ezimbi…kwathi ke xa umkhombe lowo usenza isiyaluyalu…kwakho umfo…owathi wawuchana wawubetha kolu phondo lwawo njengokuba ulubona uphondo lwawo ukuba lunye…wawubetha ke ngentong’ aph’ ewugibisela…laphuk’ uphondo…lwaba ke njal’ uyabulawa…eso sigigaba k’ aph’ emaMpondomiseni sisigigab’ esingekalityalwa nakusasa nje…kuba xa kuza kuguywa…kuye kuthiwe ngamaMpondomise ngobani na abaphul’ uphondo lenzunga eLundin’…kubuzwa kuwo okokuba yayingobani na abaya babulala laa mkhombe…phaya eLundini…impendulo ke isaman’ ukuthi k’ esithi…amane ewubuza umnt’ umbuzo lo mbuzo kuthiw’ esithi…ngenxa yokuba yaba sisigigab’ esikhulu eso kub’ umkhombe nx’ ubulawa uyathiywa…awubulawa ngezandla wawungabulawa ngezandla…wawuthiywa nxa uza kubulawa…kodwa ke kwenzeka uba amaMpondomis’ awubulale ngezandla…e— uNgxina ke le sisigigaba ke somkhombe sasingexesha likaNgxina…uNgxina ke yayiyinkos’…eyayinama— ingumphuph’ eman’ iphuph’ izinto ngezinto…ngenye imini…uNgxina waphupha…amaMpondomis’ ephumile aya kuzingela…ngolo zingelo lawo abuya…ebulele abuya nenyamakazi engenaboya…athi njengokuba ebuy’ ephumile nje kwathi xa kubuywayo kwabuywa ngoku kuphethw’ inyamakaz’ engenaboya…eli phupha lamkhathaza kakhulu uNgxina…ke ngenye imini wabiza isizwe samaMpondomise…wasixelela ke ngelo phuph’…watsho ke esithi ma’khe kuphunywe lokuzingelwa…kukhangelwe le nto yeli phuph’ uba ayinant’ ithetha yona na…lithi k’ ibali saphuma k’ isizwe sasemMpondomiseni ukuya kuzingela…iintsukw’ ezintathu kungavuki kungekho nto ibonakalayo eyinyamakazi…kungavuk’ inyamakazi kungathini kuzingelwa nje…kwathi ke kolu suku lwezithathu phaya kulaa ntaba iseMount Ayliff ngoku…eNgele…kweziwa izinja…zintyontya…emqolombini…kwayiwa…kwafikwa zikhangele phezulu eliweni…kwathiwa kunyukwa kwafikwa kukh’ umntw’ apho…lo mntu eyintombazana yomThwa…ngoko ke kwakufikwa ke kulo mThwakazi…zabizwa ke ngoku ke izi— i— izimpi ngoku zonke kwathiwa iphupha le nkos’…lizalisekile…makubuywe…kwesukwa ke apho eNgele ukubhek’ eMvenyane kuyimiguyo…kub’ iphupha lenkosi lizalisekile…kwaya kufikwa ke komkhul’ eMvenyane…nalo mThwakazi…kwakuba ke kufikiwe ke phaya komkhul’ eMvenyane…hayi ke wagcinwa ke uMthwakazi lo…kwakuphawulwa…njengoba lo mThwakazi yintombazana…kwaphawuleka okokuba malunga nokupheka oku…upheka kakuhle ngokukodwa…intw’ ayiphekileyo uMthwakazi lo upheka ukudla okukuko…kwathiwa ke ngeso sizathu ke…makabe laph’ ebhotwe aphek’ ukudla okuza kudliwa yinkos’…ingqina lokuba phakathi kwabafaz’ akukho mnt’ ukwaz’ ukupheka njengaye…ngoko ke alapho…epheka ke apha ebhotwe…ebhotwe ke…unkosikaz’…kaNgxina…yayinguMangutyan’…ngoko ke uMthwakazi lo igama lakhe yayinguManxangash’…ngoko k’ uManxangashe ke wapheka ke apha k’ ebhotwe kwaMangutyan’ ephekela ke inkos’ wahlal’ apho k’ epheka…ke kaloku ke…kwafumaneka okokuba…lo Mthwakazi…yenye iintomb’ ezinyulu…emaMpondomiseni…e— iintombi zamaMpondomise ngaloo mihla…yayiyint’ ebalule ke kakhul’ intombazan’ uba mayibe nyulu…e— xa iyintombi…ithi ukuze yazi indoda ibe yendile…ngoko ke uMthwakazi lo ke wafunyanwa ke eyenye yamantombazan’ anyulu…hayi ke kwahlaliwa…kodwa ke ngeny’ imini…kwaphawulwa okokuba tyhini! uMthwakazi unzima umithi…yangumothuko komkhulu lowo kwabuzw’ apha kuye yintoni…was’ke welatha phezulu…net ub’ elathe phezulu kwaziwa okokuba utheth’ ukuthi wenziwe nzima yinkosi…yaphela ke ngoku int’ okokuba kube kuphinde kubekho umnt’ othethayo obuz’ uba kutheni n’ emithi nj’…kwathulwa ke ngoku ngabantu bonke…uMthwakazi lo ke ngenye ilanga…kubonwe e— uMthwakazi lo wahlala k’ apha ke komkhulu…wesuka ngoku wabhinqa ngokw’ abafaz’ wambath’ isifazi ngoku wayek’ ukwambath’ axele amantombazan’…ke kaloku ke ngelinye ke ilanga…uNgxina ukumkani wamaMpondomise wabiz’ amadoda angamathenjwa komkhulu…wathi kuwo…khanikhaphe e— le ntokazi Manxangashe…e— kufuneka akhe aye kuvela kowabo…kowabo ke kusentabeni…mkhapheni…bamkhapha ke…ukusuka k’ eMatatiele ukuya eMount Ayliff kuloo ntaba yaseNgele…bathi ke bakuba befikile phay’ entabeni…le ke yaseNgele…wabasa uManxangashe lo wabasa…waphunguza waphunguza wawuchitha lo mlilo…bahamba waphinda wabasa…waphunguza waphunguza waphinda wawuchitha lo mlilo…bahamba waphinda wabasa…bath’ nx’ uqhumayo ngoku lo kwabonakala kuqhuma phay’ entabeni phezulu…wathi ke kumathenjw’ apha hlalan’ apha…’de ndibuye…wemka ke waya phaya phezulu kulaa ndaw’ eqhum’ umsi…wahlala ke apho iintsukw’ ezintathu behleli bona kulaa ndawo…kwathi ke kolu lwesithath’ usuku babon’ efika…wafika esithi uManxangashe…kuthiwa…njengoba ndimith’…mandilotyolwe…njengabafazi bonke abalotyolwayo…ke…xa kulotyolwayo ke ize nithi makuze iinkabi zenkom’ ezimbini ezimnyam’…bemka ke baya kutsho eMvenyane…amathenjwa komkhulu afika ke alubeka olu daba…kukumkan’ wamaMpondomis’ okokuba abaThwa bayalobolisa…bathi makuze iinkabi zenkom’ ezimbin’ ezimnyama…zakutshwa…ke uthe uMthwakazi…xa nizayo…’ze nihambe nibasa ngolu hlobo ‘be nindibona ndimane ndibasa ndichitha ndibasa ndicima ndibasa ndicima…ize kuthi ke ukuba nithe nakubasa kwaqhuma kwaze ke nabona ukuqhum’ aph’ entabeni nihlale kwelo ziko ningesuki…okwenene ke bathi ke bakufika ke aph’ entabeni babasa…bawuchitha lo mlilo bahamba bahamba babasa…baphinda bawuchitha lo mlilo baphinda bawuchitha lo mlilo bahamba bahamba babas’ okwesithathu…kwaqhuma phay’ entabeni bahlala ke ngoku…waza kufik’ uManxangash’…wafika waziqhub’ ezi nkabi zenkomo zombini…wenyuka nazo…umke nje kancinci wabuya…wabuya esithi kuthiwa yizani neenkabi zenkom’ ezimbini ezimnyama…njengezi…ukuze xa nisiza nenze njengoba ‘be nisenza nje…nihambe nibasa ngolu hlobo ‘be nizenza ngalo…kwelo ziko kwakuqhuma nikulo ‘ze ningesuki…okwenene ke amathenjwa ahamba ke aphinda aya kufika…komkhulu…akuba efikile ke pha’ komkhulu alubek’ udab’ olu…hayi inkosi ngokulula…yaphendula yazikhuph’ ezi nkab’ ezimbini…uba sibene ngoku…bazisa…bakufika pha’ entabeni benza kwa laa nto ‘be beyenza yokuhamba bebasa…kwakhona kweli lesithath’ iziko kwaqhuma…bahlala…waza kufik’ uManxangash’ wazithath’ ezi nkabi…wenyuka nazo…zaba zine ke ngoku iinkom’ ezihambileyo…wakhawuleza wabuya wathi kuthiwa yizani neenkab’ ezimbini…ezimnyama…baphindela ke kwa seMvenyane…hayi inkosi yaphinda yazikhuph’ ezi nkabi…bahamba ke benza kwa laa nto ‘be beyenza…kwelesithathu kwakhon’ iziko…kwaqhuma entabeni bahlala…weza…wathi kuthiwa yizani neenkabi zenkom’ ezimbini…uba ngoku zibe sibhozo…inkosi bakuba befikile beyixelela yaphind’ yazirol’ ezi nkabi…zimnyama…bazithatha bakufika ke entabeni bakuba befikil’ entabeni benza ke kwa njengoko…kodwa kweli lesithathu iziko…kwaphinda kwaqhuma…kwakuba kuqhumile ke ngoku ke waza kufik’ uManxangashe…akufika ngok’ uManxangash’ wazithath’ ezi nkabi zimbini…wemka…bahlala ke ngoku…akabuyi kutheni akabuyi kutheni akabuyi kutheni kuthulekile nje tu…kuyokuthi ‘se kumalunga nesithuba seveki…icawe ngok’ engabuyi…bathi bakukhangela…babona kukhw’ abant’ abezayo phay’ entabeni…bethwele…beza ke bathi nxa bemgam’ apha kubo bafika bayithul’ impahla le bayithula bayithula bamane benyuka besihla bemane beyithul’ impahla kude pha’…besuka benyuka k’ aba bantu…wesuka ke uManxangashe phaya waza kufika…hayi…e— ngabaThwa aba…ke namhlanje kuthiwa ndiyendiswa…emaMpondomiseni…e— amaMpondomise avunyiwe ngabaThwa…kweli khazi lezi nkomo zisibhozo…ezi nkabi zimnyama zosibhozo…ke ngoko ke…kuthiwa ke masiye kuthatha laa mpahla…laa mpahla ke kuthiwa masize sikhawuleze…kuba…isivumo sasebaThweni xa sukuba a— isoka livunyiwe kuye kune imvula…ngoko ke kuza kuna imvul’ enkulu…ngoko ke ‘ze sikhawuleze…le mvula ke iza kuna sisivumo sokokub’ amaMpondomis’ avunyiwe…kukuxel’ uba amaMpondomis’ avunyiw’ ebaThweni…bayithatha ke le mpahla ke bahamba ke ukuza kufika komkhul’ eMvenyane…yafik’ imvula…yavel’ imvula…ke lo mkwa ke aph’ emaMpondomiseni ukuthi nxa libaleleyo…kuyiw’ ebaThweni kuyokucelwa imvula…wavela loo mini…uba imvul’ ayikho…amaMpondomise aye esuk’ aye kucel’ imvul’ ebaThweni…abaThwa ke bazame k’ uba makubekho imvula…ibekh’ ingabikho…kodwa k’ ukucelwa kwemvul’ ebaThweni kumhla kwakh’ aph’ emaMpondomiseni…ke kaloku ke…wahlala ke ngok’ umThwakazi…apha komkhulu engumfazi…akuba k’ engumfazi inkosi le yamakhela indlu…ezantsi kobuhlanti…yamkhupha phay’ ebhotwe…yamakhel’ indlu aph’ ezantsi kobuhlanti…yahlal’ apho ke…yakulapho khona…kwakuba ke kube njalo…ethe lo mThwakazi wanzima wabuya wakhawuleza ke wade waz— wazal’ umntana…e— oyinkwenkwe…inkosikaz’ umaNgutyana…eyayingamithi mpela…yem— y— yabonwa ‘se imithi nayo…kwabonakala ub’ ikhweletile ngoku yamith’…nenkosikazi ke in— umaNgutyana wakhawuleza wabuya wazal’ umntana…lo mnta’ kamaNgutyana wayinkwenkwe…e— ngoko ke aba bantwana ba— ba— baba buntanganye bangamafumanana-nkundleni ukwenza kwabo…okuthi ke baphantsa bangabantwan’ abalinganayo bakhula kunye…ke kaloku ke…lo mntana kaManxangashe umThwakazi…kwathiwa igama lakhe nguCira…e— int’ e— i— int’ ethethwa leli gama lokuthi “Cira” akukho mnt’ uyaziyo…umThwakazi lo wayeman’ ethi nxa umntana lo emdlalis’ athi cir’! ngci! cir’! ngci! cir’! ngci! is’k’ ingaviwa ke ngok’ uba utheth’ ukuthini n’…ngabantu…waze ke wanikwa k’ igama loba nguCira lo mntana womThwakazi…e— inkosikazi umaDosini…unantsika unkosikazi uma— umaNgutyana…owakhe umntwana…e— wabizwa ngoba nguDosini…kanti…e— ‘se ikukujikwa nje kwegama…unina yena…wayesith’ ukumbiza nguNdosina…etheth’ ukuthi xa abantu bevuya bedanisa bevuya ngenxa yoba benabantwana…naye ke uya kusina…ewe nam ndosina ndixelis’ abany’ abafaz’ kuba ‘be ndingenamntwana lonk’ ixesha…aba bafazi bakomkhulu bendivuyelela…nam ke ngoku ndosina ndixel’ abany’ abafazi…kwahamba kwahamba yayekw’ int’ yokuba kuthiwe nguDosina kwas’ke kwathiwa nguDosini…unyana kamaNgutyan’ igama lakhe kwathiwa nguDosini…kuyekwa laa nto yoba nguNdosina…ke ngoku ke…bakhula k’ aba bantwana…aba bantwana ke bakhulayo…baninz’ abantwana benkosi…aph’ ekhaya…ewe…ndithetha nje ngaba bantwana babini…ewe baninzi bon’ abantwana benkosi…bakhula k’ aba bantwana…kwathi kwa— kwakho into…ekukhuleni kwabo eyaxakayo ebantwini okokuba inkosi ukumkan’ iyenzelani na…athi xa kukho inyama kuphekiwe…athi la makhwenkwe omabini makahambe ayokwenz’ amawuku…oko kuthi k’ emke athi asakuba mgama ajik’ abaleke k” esiza ngamandla…athi ke njengoba esiz’ ebaleka…uyise lo k’ aphath’ inyam’ as’k’ azithi…aphath’ inyama ngapha nangapha…le i— inyam’ ikule ngalo yenene ayinik’ uCira lo…le ikule yenxele ayinik’ uDosini…ukuba uDosini ukweli cala e— e— e— e— uba uDosini ukweli cala lenene…uCir’ ungapha aphambanis’ ase kuCira…ukuba uDosini ukweli cala aphambanise njalo anik’ uCira ngale ngal’ yenene…angaz’ amnike uDosini ngale ngalo ukumnik’ inyama le njengoba beman’ ukubaleka nje…hayi ke bakhula…bakuba bakhulile ke ngoku…bangamadoda baluka…bakuba balukile…uDosini lo bekhula nj’ uthanda kwalusa kakhulu…uCira lo bathi ke ngoku bangabafana wathand’ ukuhlal’ aph’ ebandla…e— uDosini akuba ngumfana ngoku…wanento eyaba mbi kakhulu…athi asakufika pha’ endle…ezinkomeni njengob’ ephuma neenkomo nje…athath’ udak’ aluqab’ aph’ ebusweni…aye kula makhwenkw’ alus’ iinkomo kunye nawo…amakhwenkw’ akubon’ umnt’ oqab’ udak’ as’k’ ambethe…yintoni le yintoni le yintoni l’ ambeth’ amakhwenkw’ apha…aluhlamb’ udaka e— kuthi kwakufikwa komkhulu…induna eyayihamba nay’ ifik’ imangale okokuba amakhwenkw’ asemathilen’ abethe inkosi…kuba ngajongwa tyhini ubethiwe…eso sizwe ke sibantu babethe i— simakhwenkw’ abethe inkosi siyokudliwa iinkomo zaso…e— aphume uDosin’ ayokwalus’ ehamba nenduna le yakh’ ahamba nayo…igama lenduna yayinguSisusempaka…umfo wasemaThithiyeni…bathi ke bakufika phay’ endle…uDosini lo azibeke phantsi iingubo ezi aqab’ udak’ aye kwamany’ amakhwenkw’ akude…asakufika kulo makhwenkwe afik’ awabhoxe abethwe…loo nto ibe lityala…kuthiwe amakhwenkwe asekuthini abethe inkosi…eso sizwe sidliwe…ke kaloku ke…ngenye imini kule nto ke waye emana eyenza…waya emakhwenkweni…waziqaba kwa olu daka ambetha…uSisusempaka ke wafika wamangala komkhulu…saya kudliwa eso sizwe…eso sizwe ke yayingamaNyandube

 

uKhwetshube kaXhwangu
umhlamb’ olal’ iintaka…

 

sadliwa k’ est sizwe singama— sasemaNyandubeni…akuba edliwe k’ amaNyandube ngale ndlela imbi kangaka yokuba uDosini ayokuzenza into yokuba abethwe ngabantwana…hayi afuduk’ amaNyandube…emka elo bandla lonke lawo laya kutshw’ emaMpondweni…laphuma lingamaMpondomise labuyek’ ubuMpondomise kuba aph’ emaMpondomiseni kukho le nkosi…idl’ iinkomo zabantu ngondlela-mnyama…baya kutshw’ emaMpondweni…baqala ngoku abantu bonke babona ukuba no! akukho kuhlal’ emaMpondomiseni mabachitheke kuba ke le nt’ iyaqhuba le yoba umntu engenatyala abone ‘se netyala…uNgcwina wabiza umzi wathi uDosini lo uyawuchitha ngoku lo mzi wasemaMpondomiseni…mbambeni…wabanjwa…mlalisen’ aph’ esangweni…walaliswa…wathi ke Bhukwana utsho ke kunyana wakhe wokuqala…mtsibe…waala uBhukhwana…wathi Nxotwe…ubiza kwa unyana wakhe…mtsibe…waala…wathi…e— Zumbe…ngamagam’ oonyana bakhe ke bonk’ aba…mtsibe…waala…wathi Cira…uCira ke ngulaa nyan’ womThwakazi…mtsibe wamtsiba…wathi mtsibe kathathu wamtsiba kathathu…wathi yithi makathi mkhuluwe…uCira— uDosini lowo makath’ apha kuwe Cira mkhuluwe…uDosini kwabonakal’ ukuba akafuni kutsho…wathi ii! nang’ umkhonto mhlab’ aph’ esiswini kathathu…uthi makathi mkhuluwe…wawuthath’ uCira wath’ wath’ wath’ wathi yithi mkhuluwe wathi mkhuluwe…wathi yithi makathi ndabulahlil’ ubukhosi…mhlabe kathathu umxelel’ uba makathi ubulahlil’ ubukhulu…wath’ wath’ wath’ wathi yith’ ubulahlil’ ubukhulu…wathi ndibulahlile ubukhulu…wathi ke makakhululwe wakhululwa k’ uDosini…kwathiwa ke iphelile namhlanj’ int’ oba wena nguwe oya kuba yinkosi endaweni kayihlo ‘phelile ngenxa yoba udl’ isizwe…wemka k’ uDo— wanantsika ke…hayi ke kwaziintsukwana nje wemka uDosini apha komkhulu…wasuka ke apho eMatatiela wahamba waza kutsho kulonina eMhlabathi kwesi sithili sakuTsolo…apho wafika ke wahlala khona wakha khona kwasemaMpondomiseni…ke kaloku ke kwakufutshane ke ekuben’ emkile uDosini wabhubh’ uNgcwina inkosi…akubhubha ke ngoku uNgcwina…inkosi…yaaba nguCira uCira lowa ‘be kuthiwe makatsibe uDosini…e— uDosini athi kuye mkhuluwe…athi kuye apho kuCira ndiyabukhulul’ ubukhulu ndibukhululela wena…athi akubhubha ke ngoku u— uCi— uNgcwina yanguCira ke ngok’ inkosi yamaMpondomise…ke uDosini— u— uNgcwina uthi ke phambi kokub’ abhubhe ke uDosini lo uya kukukhathaza…ukuz’ angakukhathazi kufuneka ufudus’ ikomkhul’ eli uyokwakha kulaa ndaw’ akuyo kuba lonk’ eli liphakathi koMthatha noMzimkhulu lela maMpondomise…laa ndaw’ ‘akhe kuyo usakhe kwasemaMpondomiseni…ngoko ke laa maMpondomise ahleli nawo pha’ uza kuwenza a— a— a— a— a— uza kubanga…athi nguy’ inkosi ngoko ke uze aph’ uphethe khona uyokukwakha kuloo ndaw’ akuyo khon’ ukuz’ angabi nandlela yoku— yokubiz’ isizwe sokokuba sikuvukele…okwenene ke uCira wathi ke akuba ebhubhil’ uNgcwina kwaziintsukwana nje walifudus’ ikomkhulu eMvenyan’ eMatatiela waza kulenza apha eLothana…iLothana ke ngumfula kwakufu— omelena kwa noMhlabathi lo le ndaw’ ‘akhe kuy’ uDosini…ziindawony’ ezo ndawo…ikomkhulu ke ngoko lamaMpondomise laba liyafuduka eMatatiela liza kutsho ke kule ndawo uDosini akuyo…ingcwaba ke likaNgcwina liseMvenyane kulaa ndaw’ inesikol’ isinala esiya siphaya kuthiwa kuseMvenyan’ eMatatiela…ke kaloku ke…ngoku ke ubukhosi bamaMpondomise…baphathwa ngunyana womThwakazi…uCira…yanguye ke ngoku ongukumkani wamaMpondomise…walibusa ke lonke eli liphakathi koMthatha noMzimkhulu koLundi namaMpondo ‘de bas’ke baphela ubomi bakhe…ingcwaba lakhe ke nali eLothane…iLothana ke ngokwangoku ikwisithili sakuQumbu…kwaba ke kuyaphela ke ngonyana kaNgcwina uCira…uCira ke…washiya unyana wakhe ogama linguSabe…uCira yenye yeenkosi eyayinomfaz’ omnye aph’ emaMpondomiseni…washiya ke unyana wakhe onguSabe…uSabe ke walibusa ke ngoku wa— wangukumkani ke ngoku kumaMpondomise…uSabe ith’ intsomi yasemaMpondomiseni…e— kuyathandabuzeka uba woz’ abekh’ umntu omhle njengoSabe…wayemhle ngokukodwa…iyinkos’ eyayilungile ithanda nezisusa izonwabo…isigigaba ke esehla ke ngexesha likaSabe…kukufika kwezigidimi ezazivela kuTshawe…i— ukumkani wamaGcaleka wamaXhosa…zafika ezi zigidimi zizokumcela okokuba makancedise…uTshawe ulwa…nom— nomntakwabo ogama linguCira…ingenguye uCira lo wamaMpondomise uCira waseXhoseni…kuSabe unyana kaCira…kufika abantu abavela kukumkani wama— abavela kuTshawe…bathi uTshawe uTshawe uthi masizomema uxakiwe nguCira…ngoko ke ucel’ izandla…ke kaloku ke uSabe ke wasamkela esi sicelo…wakhupha amaRudulu…la maRudulu k’ azalwa nguSikhomo…ngoku s’ elibandla…wakhupha k’ amaRudul’ okokuba makayokumncedisa uTshawe…ahamba k’ ibandl’ elo lamaRudulu lathi lakufika ke phaya lafika lancedis’ uTshawe kulo— kulo— kulo mlo wawuqhubeka…woyiswa uCira wamaXhosa nguTshawe…waba ke uTshawe uthath’ ubukhosi uba ngukumkani wamaXhosa…waza ke uTshawe…wathi amaRudulu la…makas’ ke angabisagoduka uza kuwaph’ umhlab’ emininzi…waza ke uTshawe njengokuba amaRudulu ke emncedile esith’ amaRudulu nxa e— e— e— efunza njengokub’ imp’ isilwa ekhala ngeenkomo sikaSikhomo sika— ekhala ngeenkomo sikaSikhomo esithi siziinkomo zikaSikhomo thina…wathi ke ngok’ uTshawe umzukulwana wakhe…umntan’ ozalwa nguNgcwangu wathi nguSikhomo— nguSikhomo…ukuze k’ amaXhos’ abe noSikhomo…ethatha kumaRudulu la xa ezibonga kulaa mfazw’ ethi siziinkomo zikaSikhomo wathi k’ uTshawe unyana wak— umzukulwana wakhe nguSikhomo…le mbidano ke is’ke kungathi ngoku amaRudulu ngamaXhosa akangomaXhosa angamaMpondomise…ayeye ngokuncedisa phaya…ke kaloku ke amaRudulu ke ngoku ngamaMpondomis’ amaninzi kakhulu kweliya lamaXhosa ingamaMpondomise asebukhosini ebekiwe kweliya lizwe kangangokuba aphants’ amaninzi ngaphez’ kokub’ enjal’ apha emaMpondomiseni kweliya lamaXhosa kub’ afuman’ imbek’ enkul’ apho…uSabe ke walibusa k’ eli lamaMpondomise eyinkos’ entle kakhulu…awathi ke ngakulibusa kwakhe kwathi phakathi koonyana bakhe…kwakho unyana omhle kakhulu ofana naye lo…ekuthi xa kusinwa imisino le xa nax’ inkosi iza kuphuma kuthiwe makuqale kuphume lo nyana ufana noyise…bathi ke ngoku k’ abafazi nxa bekikizelayo…ath’ akuphum’ unyana lo iz’ iphume k’ inkosi bas’ke bath’ abafazi ki ki ki kiiii avel’ amawel’ ukuzan’ uMhaga noSabe…uMhaga ngunyana akalowele noSabe kodwa ngenxa yokukikizela kwabafazi…ngoko ke kwakho impazam’ enkulu esetyenziswayo ngamaMpondomis’ okokuba la maMpondomise ayimiHaga…e— uMhaga uliwele noSabe kanti uSabe nguyise kuMhaga…walibusa ke uSabe…hayi bethu wada wabhubha…ebhubhela ke kwaseLothana kwinxiwa likayise uCira…uSabe ke washiya unyana wakhe uMte…uMte ke waba ngumntu oneengcwangu kakhulu…owenza kwaziziphithiphithi ezininz’ apha kweli lizwe…uSa— uMte waba nonyana owayemthanda onguNgxabane…awathi engenkosi nje wafun’ uba hayi eli lizwe maliphathwe nguNgxabane…loo nto ke yenza kwaphalal’ igazi…amaMpondomise loo nto akayivuma mpela…athi makuphathe unyana wendl’ enkulu ogama lalinguQengebe…le kaNgxaban’ into afakwa nguyise kub’ ethand’ unina hayi mayife…kodwa ke loo nto kwaphalal’ igazi ngenxa yayo iziziphithiphithi k’ ezenziwa ngukumkani lo…kub’ ethand’ unina kaNgxabane…mna k’ uthethayo ndibizwa ngokwesiduko sam kuthiwa ndinguNxabane…kuba ndavela kuloo Ngxabane wa— kwakufunw’ abenguy’ inkosi engem— engenkosi…yachithwa ke loo nto mpela yaphela yeso siphithiphithi…kwema int’ ‘oba kuphathe oyena nyana w— w— wobeko…owayebekiwe ngamaMpondomise unina uQengebe…hayi ke akuphatha ke uQengebe kwakubonakala uba amaMpondomise athi hayi makuphath’ uQengebe ngokusekhondweni…iyekwe le nto…wachithwa nguSabe— ngu— nguMte…wathi hayi phindela kwale emanxiweni hambokwakha eMzimkhulu— e— eMzimvubu…ubheke kwale kwelaa cala lo umhlaba lo ngoku uyiNyanda kuthiwa kuseNyandeni ndiza kuwunika lo nyana ndifuna yena aphathe kuwo…watsho ke lo mhlab’ uphethwe nguChief Poto ngoku…yangumhlaba ke awunika ke uNgxabane…wathi ke inkulu mawuphathe kwa eli liphakathi koMthatha noMzimkhulu konke ke…hayi ke waphatha ke…unantsika u— uQengebe…uQengebe ke ikomkhulu— wabhubha ke uMte…ingcwaba likaMte naliya eLothana kwa kwesi sithili sakuQumbu…ikomkhulu ke ngoku ke walifudusa ke u— uQengebe ke ngoku wenza ikomkhulu ke eMzimvubu…malunga nesithuba e— sesithili saseKokstad ngoku…lalapho k’ ikomkhulu lakhe kwenye yezo zithuba…lalapho k’ ikomkhulu ke likaQengebe…wangukumkani ke ngoku k’ uQengebe wamaMpondomise…njengok’ amaMpondomise eb’ ethe afun’ abe ngukumkani wawo…walibusa ke uQengebe…akuba elibusile ke eli lizwe uQengebe…e— wazeka unkosikazi pho’ ke asimxelelwa uba umkakhe lo umkhulu yayingubani na igama…wazek’ unkosikazi…unkosikazi ke ngulo uya kuzal’ inkosi…akuba ke nenkosikazi inkosikazi le yanzima…yakuba ke ithe yamitha bethu kwabonakal’ uba iyalunywa iza kuba nomntwana…baya k’ abafazi njengesiqhele bethu ukuya kuzalis’ unkosikazi…kuthe xa bephay’ abafazi kwabonwa bebaleka bephuma bebaleka phay’ endlini esuk’ amadoda aduma aya kufika…kwafikwa phay’ ecal’ kwankosikazi kukh’ inyoka…enkulu…tyhini! kutheni…kwabonakal’ uba hayi bo iphum’ esiswin’ apha kunkosikazi le nyoka…hayi mayingabulawa…yaqhutywa…ya— bayiqhuba…baya kuyinantsika— bayishenxisa abayibulala bayichwetha baya kuyilahla kude…emva koko inkosikazi yazala umntana…oyinkwenkwe…yakumzala inkosikazi lo mntana uyinkwenkwe…kwathiwa nguMajol’ igama lakhe…uMajola ath’ uba ulele ‘s’ke kubonwe ‘se ikho laa nyoka apha ecalu kwakhe…tyhini! iyekwe ib’ iphind’ imke ub’ uMajol’ uyagula…kubonwe le nyoka ‘se ikho kusas’ uya kuvuk’ aphile ekubeni ‘be kukho laa nyoka…le nyoka yinyoka nj’ eqhelekileyo eyaziwayo…kodwa ke kulo mntwana yanale nt’ ‘okusolok’ ifika kuloo mntana yanalaa nto kwabonwa yona ecal— phambi kokub’ avele…hayi ke…wakhula ke lo mntwana…eman’ ehanjelwa ke yile nyoka eman’ ehanjelwa ke yile nyoka…le nyoka ke njengoba i— umntwana lo wenkosi kuthiwa nguMajola…e— kwathiwa— kwemka kwemka kwathiwa nayo nguMajola yabizwa ngaye…yinyoka ke leyo enengxaki aph’ emaMpondomiseni…apha ezinkosini…okokuba intombi yasemaMpondomiseni…i— yeenkos’ ezi yendile…ub’ ikhe yangena laa nyoka kwakwazeka uba iza— iza kuba nom— iza kumitha…ukuba emaMpondomisen’ aph’ ezinkosini inkosi nob’ inetyala nob’ inantoni na ub’ ikhe yangena laa nyoka kwakwazek’ ukuba uza kusinda kuloo nkathazo…ukusuka ke loo nyoka yaqhelana namaMpondomise ukusuka laa mini kwazalwa u— uMajola…uMajola ke walibusa k’ eli lasemaMpondomiseni…wabhubha…ekubhubheni ke kukaMajola…asixelelwa okokuba yaba yintoni na eyathi ingcwaba lakhe maliye kwenziw’ esizibeni…kodwa ke ‘azang’ angcwatywe njengezi— njengookumkani bamaMpondomise bangaphambili…yena elakhe ingcwaba laya kwenziw’ esizibeni kwesona siziba sinzulu eMzimvubu…wangcwatyw’ apho k’ uMajola…e— elo theko lokungcwatywa kukaMajola mandithi e— loo ndlela yokungcwatywa kukaMajola yenziwa…ngamaMbulu isiduko esikhoyo apha emaMpondomisen’ eso amaMpondomise ekuthiwa ngamaMbulu isiduko sawo…aya kumngcwaba k’ esizibeni ngeemfihlel’ ezinkulu ekungekho bani waziy’ uba kwakusenziwani na kanye…yasisigigaba k’ esaba sikhul’ eso nguMajola ukuthi ingcwaba elo lakhe liye kuba semanzini singazi k’ okokuba yayiyinton’ eyayikhokelel’ aph’ asiyifumani kakuhl’ ebalini okokuba yaba yintoni na…wangcwatywa ke eMzimvubu kusiziba esikwisithili saseKokstad ukuba ndisichana kakuhle eyona ndawo sikuyo…akubhubha k’ uMajol’ angcwatywe…kwa— washiya unyana wakhe unyana wakhe ke onguNgwanya…uNgwanya ke owathi wayinkos’ enkulu kakhulu wanobutyebi kakhulu nokuphath’ okuhle apha kweli lamaMpondomise…waza ke…uNgwanya lo…walifudusa ikomkhulu phaya eMzimkhul— eMzimvubu…waza kulibheka phantsi kwebhuloro le yaseThina…e— waza kwakh’ eThina…apho ke wabhubhela khona…uNgwanya ke njengoyise wangcwatywa esizibeni…eso siziba ke ndicing’ uba singayimayil’ ukusuka kulaa bhuloro yaseThina ukuya kuso wangcwatyw’ apho esizibeni njengoyise…uNgwanya ke washiya unyana wakhe uPhahlo…uPhahlo ke naye njengoyise waba yinkosi esisihandiba wayinkos’ enesidima ukumkani owathi waliphatha kakuhle ilizwe eli lamaMpondomise…uPhahlo ke…sixelelwa…okokuba inkosikazi yakh’ enkulu yayiyintombi yasemaXesibeni…yayiyintombi yasemaXesibeni inkosikazi kaPhahlo enkulu yayiyinkosikazi yasemaXesibeni…le nkosikazi yasemaXesibeni yazala ayizang’ izal’ inkwenkwe yazal’ iintombi zantathu…e—…enye k’ asiyazi uba yendela phi na enye kodwa yendela kumaXhosa…yazal’ uGcaleka njengokuba kusithiwa ngamaGcaleka nje unina kaGcaleka nguMaNgwanya…nguMaPhahlo yintomb’ yalaph’ emaMpondomiseni…njengokuba kusithiwa ngamaGcaleka nje unina wakhe yintombi yalapha…loo ntombi ke yazal’ uGcaleka ngapha…igama ke laloo ntombi lalinguThandela leyo yazal’ uGcaleka…e— intomb’ enkulu…kaPhahlo egama linguMamani yaal’ ukwenda…yath’ ayifuni…yahlala kwathi kwakubhubh’ uyise…yesuka yazibeka yathath’ isitulo sikayise…ithath’ isitulo sikayise nje baninzi oonyana bakaPhahlo…bezindlu ngezindlu…kodwa ke indlu engenanyana kuphela yile yakwaMaXesibe…yangena yathath’ isitulo…waba ngath’ othethayo yakhuph’ impi ukuba makabulawe…bathula ngok’ abantu bayeka akwabikho mnt’ uthethayo bayeka yaphatha yalawula…ya— lonk’ elamaMpondomise e liphakathi koMthatha noMzimkhulu koLundi namaMpondo laphathwa yile ntombazana inguMamani ingukumkanikazi wamaMpondomise…kwathi ke xa kunjalo iphethe le ntombazana isandla silukhuni wonk’ umnt’ imphathel’ uba aqond’ ub’ uphethwe…ngamhla uthile kwabonwa kufika uduli…uduli ke lusiza nentombi elathi lakufik’ olu duli lubuzwe lathi hayi siphuma emaMpondweni…sizokucel’ intshazi…lusitsho ke lusiza nentombi kaNyawuza olu duli…le ntombi kaNyawuza iza kwendiselwa kule ntombi inguMamani…lathi ke lakufika intombi leyo kaNyawuza igama layo linguNtsibatha…wathi akufik’ uMaNyawuza lowo apha…isizwe samangala kakhul’ okokuba ke namhlanje kuza kuba yini na…kuba le ntombazana ithathe indawo yamadoda yazibek’ ubukumkani…ngoku ke yiyo le inkosazana izokwendiswa kuyo iza kwenzani ke ngeny’ intombazana…hay’ uMamani wasuka walilobol’ ikhulu leenkomo…hayi lafika usuku lokuba kutshatwe…wasuka watshat’ uMamani nale ntombi…ukuba kuphunywe kuyokutshatwa ku— kwenziwe isi— umtshato watshat’ uMamani nale ntombi…kwafika ithuba ngoku loba intombi iyokuphemb’ entangeni…wathi umntu hee sakukhe sibone uba kuza kuba yini na akh’ azekana amantombazana omabini…hayi ke…ngoku ke wesuk’ uMamani wath’ umtshakazi makayokuphemba…hayi wahamba wamkhupha…waya kungena nay’ entangeni…hayi wabutha k’ uMamani apho kuncokolwa…nqoku k’ aya phay’ entangeni uMamani…usuke…wathatha umntakwabo…unina kaMamani…unina kaMamani…waya kuthatha intombi u— udadewabo ukuba azokungena uMamani lo abe yimpelesi kaMamani…le mpelesi kaMamani yathi yakukhul’ ibe yintombi yanzima yamithiswa nguyise kaMamani lo ngukumkani…ngoku ke uMaXesibe uzel’ uMamani…impelesi ngok’ ezokuhlala noMamani ekwanguMaXesibe yamitha yazal’ umntwan’ onguMngcambe…ngoku k’ uMamani nxa aya phay’ e— e— entangeni uthatha le nkwenkwe lo mf— le— lo mfo amthath’ ahambe naye abuthe naye pha’ as’k’ ale nxa ephumayo ngoku athi nguye lowo umfazi…utsho apha kuMama— kuSontlo lo uzalwa ngulaa dadeboyise— ngulaa dadebonina…as’ke athi nguye l’ umfazi…hayi ke uSontlo ke ancokole ke nentombi le njengendoda nomfazi…kwakusa kusasa…kubonakale k’ ukuba makaphume ke u— ukumkanikazi lo kwa njengesiqhela ukuy’ ebandla ukuba kuye kuthethw’ iindaba…hayi ‘s’ke kwaphunywa ke bethu…ke kwafika phaya lwabekwa nj’ ugaga isihlal’ esi si— sikakumkanikazi…wesuk’ ukumkanikazi wathatha uSontlo lowa wambeka laa Sontlo eb’ ethe makambathe kulaa mfazi pha’ kulaa ntombi kaNyawuza wambek’ aph’ esihlalweni…yena wahlala phantsi…wathi makuthethw’ amatyala iint’ ezithethwayo zathethwa zathethw’ athi kuSontlo gweba…as’k’ aphakam’ uSontlo agweb’ ityala…yee! kutheni ngok’ kwabek’ omny’ umntu…zikho nj’ iinkosi kutheni kwayiwa kuthathwa umntwana wempelesi wabekwa…kwathulwa kub’ uMamani ub’ umntu ukh’ wamv’ uya kumsika…wahlal’ uSontlo waphatha…’s’ke wesuk’ uMamani ngoku wayiyeka yonk’ imisebenzi yobukumkanikazi kwaqhuba u— u— uSontlo lo wahlala wathath’ isihlalo ngok’ uSontlo wangukumkani wamaMpondomis’ uMamani hayi wenz’ ezobufazi ngok’ izinto…unkosikazi lo yangumkaSontlo ngoku laa ntombi kaNyawuza inguMsibath’ igama…yayinkosikazi ngoku kaSontlo uSontlo engukumkani esikhundleni sikakumkanikazi…hayi ke wabhubh’ uMamani…wasal’ uSontl’ ephethe…kwakamsinyane wabhubh’ uSontlo…uSontlo ke…uthi…e— into ebanga indibula— ndibulawa…ngabakhuluwe…ngenxa yokokuba ndithathe isihlalo esingabafan— esingandifanelanga…ngoko ke ndiyabhubha…Mgabisa uxela ke komnye wabantwana bakaPhahlo…Mgabisa uz’ ugcine lo mfazi…ukuba uzele umntwana oyintombazana ngowakho ukub’ uzele umntwana oyinkwenkwe ngowam mna Sontlo…hayi ke wabhubha…akubhubha ke ngoku uSo— uSontlo…ngokwasemaMpondomiseni ke kwabonakal’ uba ke makusilwe inkosikazi ke ngoku laa ntombi kaNyawuza izokunqola ikhethe umntu ngoku oza kuyigcina…ewe noza kuba libamba abambele le nt’ ilapha kuy’ esiswini…oo zabuy’ ke ngok’ iinkosi…yaphuma inkosikazi endlini…iza kunqola zihleli ngok’ oonyana baka— abantakwaboMngcambe oonyana bakaPhahlo…yaphum’ inkosikazi yas’k’ yafika yath’ yanqola kaMgabisa…laa Mgabisa ‘be kuthiwe ‘z’ agcine isisu…yanqola kuye…emncinci engekho kwabanyana bak— bakhulu bakaPhahlo engunyan’ omncinci…kwewu! yonakal’ intlanganis’ apho ngoku yambi…hayi ke laba ke ngoku ke ilizwe ke eli lamaMpondomise liphathwa libamba elo linguMgabisa lonyulwe ngunkosikazi…walibusa ke ngoku ke Mgabisa ke eli lizwe…uMgabisa ngoku akuba e— e— ebusile kwabonakal’ uba abakhuluw’ abamthobeli…konke konk’ abamthobeli yonke into ngok’ ime kakubi…akukho luxolo ngulowo wenz’ eyakh’ into…wesuka Mgabisa ehamba nonkosikazi lo uNtsibatha baya kutsho ngapha kwa— kwaGcaleka kwaXhosa…kwaPhalo kuba yayinguPhalo ukumkani wamaXhosa ngelo xesha…baya kutsho apho…akufika apho uMgabisa wabeka le nto phaya kuThandela umkaPhalo lowo okokuba unina kaGcaleka okokuba abakhuluwe bam pha’ abandithobeli…nokuya ndibambile…wase— wesuka wathatha izikhali zazibini wath’ wazibeka phambi kwakhe wenz’ u-‘x’…wemka waya kutsh’ endlini wathath’ amayeza obugqi wath’…hamba…ugoduke uyokuphatha…nguwe oma ubambele…e— oma uphathel’ unkosikazi lo…kanti ke int’ ‘okuqala…endi— awafun’ ukuyiqond’ uThandela…ngoku bafika phaya…unkosikazi lo ‘sa wamzala laa mntwana kaSontlo s’ emdala akukho wumbi ngok’ umntan’ emva kwakhe…uthi ke uThandela kutheni n’ inkosikazi ize nje ingenamntwana…hayi ewu!…hamb’ hamb’ hamb’ hambani niyokuhlala hamba hambokuphembe…watsho wambetha…uMgabisa uyoyik’ ukuyambath’ inkosikazi ayenz’ umfazi kuba wayingayiqhelanga u— u— uyazi i— i— i— ingumnt’ omkhulu kuye…hayi kuthiwe menze inkosikazi lo mntu…asiyonto yokub’ ungamphathi njengomfazi…hayi ke wamphatha ke ngoku njengomfazi babuya ke bakufika apha ngok’ uMgabisa zonk’ iintshaba zakhe wazihlaba…esebenzis’ obu bugqi avela kubuthatha kuThandela…hayi ke watsho ngoku kwaligazi bath’ abangamthobeliyo kwaziziphithiphithi woyisa…woyisa bavuma bonke bathoba wabaphatha uMgabisa…ephathele…umnta’ kaSontlo…e— owashiywa esesesiswini nguni— nguyise ewe waphatha k’ uMgabisa…wakhul— waze ke ngok’ u— unantsika ke unkosikazi le ke akuba eyazile unantsika eya— ethe wayazi uba ngumfazi yanzim’ inkosikazi…yathi yakuba nzima yazal’ umntwana…ogama linguVelelo…uVelelo esiz’ e— e— emva komntwana ogama linguMngcambe…uMngcambe evele phaya kuSontlo…ngok’ uVelelo uvel’ apha kuMgabisa…bazalwa kodwa ngumnt’ omny— yilaa nkosikazi uMaNyawuza…e—…uVelelo ke uz’ emva kukaMngcambe…emva kukaVelelo ke…kuvela…intombazan’ enguNkulu…uNkulu ke benoVelelo…uNkulu ke benoVelelo baphuma kuMgabisa kodwa kunkosikazi bezalwa ngunkosikazi besiz’ emva kukaMngcambe…uNkulu ke wendel’ emaMpondweni uzele uFaku njengokuba e— uFaku lo ke wayengukumkani wamaMpondo uzalwa nguNkulu…ewe…uNkulu ke yintombi kaSontlo…kuba nguMngcambe nguVelelo nguNkulu…abantwana bakaSontlo…ewe…ebafumana bezalwa nguMaNyawuza…uNtsibatha intombi kaNyawuza…ke kaloku ke…ukhulile ke uSontlo— u— u— uMngcambe…wamdala…akukhula ke ngoku ke uMngcambe ufuna okokuba athath’ indawo yakhe abe ngukumkani wamaMpondomise…kuba uMgabisa lo ubambele yena…waala uMgabisa…okokuba uMngcambe athath’ indawo yokuba ngukumkani wafuna ukuthi ngok’ alibamba a— kube nguye ukumkani njalo…into ke leyo eyenza ke aph’ emaMpondomiseni kwakh’ ukuphalala kwegaz’ okuninzi…ekwathi ke…kuba uMgabiso lo wayengumnt’ owayesisilumko…kwabonakal’ uba…xa kuzanywa uba eli tyala liyokuthethw’ ethafeni akulungi…ukuthethwa ke kwetyal’ ethafeni yimpi…kwabonakal’ uba akulungi ukub’ ityala liyokuthethw’ ethafeni…uMgabisa konke konke phay’ ethafeni akanakwenziwa nto…kwavela inkosi kwiinkosi ezincinci yakwaNgxabane egama linguPhalo…ingenguye laa Phalo wasebukhosini kwaGcaleka uPhalo wakwaNgxabane amaNgxabane ke sisiduko salaph’ emaMpondomiseni…wathi k’ akuvela u— uPhalo lowo wathi hayi…uMgabis’ asinakumenzela nto kodwa ke ndiza kuzama…uMngcambe makahlale phants’ ayiyek’ into yokucinga ngokulwa no— noMgabisa…akanakho mpela ub’ angalwa noMgabisa…hayi ke kwahlaleka kwahlaleka kwahlaleka ngenye intsasa kwavakala ukuba kwavakalis’ uba uMgabisa ubhubhile…kungene abantu bamgwaza esendlini…abangaziwayo…kwakuba njalo ke…uMgabisa ke…sele…njengokuba ikomkhulu…likaPhahlo…’be liseMzintlavu…uPhahlo ke ozele uSontlo…uPhahlo k’ owathi yen’ ukungcwatywa wangcwatywa esizibeni eMzintlavu…ngoku ke uSontlo ubhubhe eseMzintlavu…aph’ abhubhele khona nalapho angcwatywa khona wangcwatywa esizibeni eMzintlavu…ke ngoku ke akuba ebhubhile ke uMgabisa uMgabisa ke yena ikomkhulu wayelenze apha kwesi sithili salapha kuTsolo…kulaa ndawo ino— inomzi kaChief Mavu Mabandla ngoku apho wawukhon’ umzi kaMgabisa lilapho ikomkhulu likhona…e— eyithathile inkosikazi eMzintlavu waza kuhlala nay’ apha…ke ngoku ke…akubhubha ke uVelelo ngokubulawa oku…wabulawa ngamadod’ amathathu angen’ amhlab’ aphum’ abaleka angaziwa noba ngawaphi na kodwa ke ayekhutshwe yinkosi yamaNgxabane…ukuba azokwenza le o— azokubulal’ uVelelo ngolu hlobo…uMgabisa ngolu hlobo kuba uMgabisa e— e— kwakungekho nt’ inokwenziwa kuye…akubhubha ke ngoku ke uMngcambe ke waza kuthatha k’ abantakwabo nonkosikazi waphindela ke ngoku ke eMzintlavu…laphela ke apha ke ikomkhulu eli lilapha kuTsolo elalilaph’ esithilini ikomkhulu laphindela kwaseMzintlav’ apho k’ wafika wa— wa— lakhona ke ngoku ke ikomkhulu…unkosikazi uNtsibatha wahlala khona apho nonyana wakhe…uMngcambe…kwahlaliwa ke apho ke ngoku…uMgabisa ke akuba ebhubhile apha wangcwatywa esizibeni…aph’ eTsitsa…kusiziba esikhulu apho kungena lo mful’ uyiMpukane…kuba ungen’ eTsitsa kweso siziba kwangcwatywa apho ke uMgabisa…uMgabisa ke unabantwana unezindlu zakhe ezingadibananga nale kankosikazi nabafazi bakh’ abangadibananga nonkosikazi lo…unkosikazi lo yena wahlal’ ehlel’ engumkaMgcambe…e— engumkaSontlo ewe…u— laza ke ngoku ke ilizwe ke lamaMpondomise laba liphathwa ngukumkani walo uMngcambe yanguye k’ uphetheyo ke ngoku…lonke eli liphakathi koMthatha noMzimkhulu koLundi namaMpondo laphantsi kukaMngcambe engukumkani kumaMpondomise…uhleli ke wahlala k’ uMngcambe kwavela isigigaba sokuxabana kweenkosana kweenkosana zakwaNgxabane…zaxabana zodwa uBhodi noNxokazi wesuka k’ uMngcambe weza kulungisa loo nto kwesi sithili saseNyandeni ukunqanda loo nto uba ezo nkosana maziyek’ ukuphalaz’ igazi wabulawa uMngcambe…uMngcambe ke akuba efile ke kuloo mfazwe yamaNgxabane odwa eb’ eyilamla wafela apha eGungululu…kwesi sithili sakuTsolo…akazange yinkosi ke yokuqala emva kweenkos’ ezintlanu engazang’ isiw’ emlanjeni ‘zang’ angcwatywe mlanjen’ uMngcambe njengokuba ezintlanu eziphambi kwakhe ezazingcwatywe emlanjeni esizibeni yinkosi yokuqala eyathi yona ayangcwatywa sizibeni…hayi ke uMngcambeke wabhubha ke bethu ikomkhulu lona liseMzintlavu apho lalikhona i— kwesithili ngoko esisesaseMount Frere…ewe ngoku kwisithili saseMount Frere elapho ngoku k’ eMzintlavu…akubhubha ke uMngcambe…e—…kwabonakal’ uba unyana wakhe uMyeki— uMngcambe wabhubh’ eshiy’ unyana onguMyeki uMyek’ esemncinci…kwabonkala uba ke ngoku ke uMyeki makabanjelwe nguyisekazi uVelelo…uVelelo lo uz’ emva kukaMngcambe…laphathwa ke ngoku eli lizwe ke lamaMpondomise libamba uVelelo…hayi ke wabamba ke beth’ uVelelo…kuVelelo ke kulapho kwenzeke izint’ ezinkulu…ezimalunga ke kuba uvele ngesithuba sikaTshaka…e— kubekho umlo waba mkhulu phaya eMzimkhulu uliwa nguVelelo e— noMacingwane uMacingwane owaye— wayendululwa nguTshaka…kwakho umlo o’be mkhulu usenziwa nguVelelo noMadikane…uMadikan’ owayefun’ ukuwel’ uMzimkhulu eze ngapha wachithwa nguVelelo…kwaza kubakho umlo owenziwe kwakhona wamkhulu kaNgozi uNgozi umThembu owayechithwa kwakho nguTshaka waphinda woyiswa nguVelelo akawuwel’ uMzimkhulu…kwaza kuthi ke ngoku kwenzek’ isigigab’ esaba sikhulu kakhulu uNgozi noMacingwane e— i— iinkos’ ezazisilwa ngqo noTshaka zizintanga zakhe uTshaka ingamagor’ amakhul’ elaa lizwe lakwaZulu ngoku law’ omabini as’k’ adibaba pha’ phesheya koMzimkhulu awela…angena ngoku kweli lamaMpondomise…kwaliwa ke idab’ elikhulu apha kwesi sithili saseKokstad kwentab’ ekuthiwa nguNolangeni unokuthi x’ uhambayo ubuz’ ub’ uNolangeni uphi na kuthiwe ke yile ntaba…kwaliwa k’ apho idab’ elikhulu likaMacingwane edibene noNgozi kusiliwa no— imikhosi yamaMpondomis’ iphethwe nguVelelo…ezoo nkosi zombini wazichitha uMacingwane wambulala uNgozi wachitheka waya kungen’ emaMpondweni…kwathi ke kweso sithuba xa kunjalo kwabonakal’ uba ixesha likaVelelo ngoku liphelile lokubamba…kufuneka kuphathe unyana kaMngcambe…onguMyeki…hayi ke wamkhululela ke ngoku waphatha k’ uMyeki…akuphatha uMyeki…kuthi ngamhl’ uthile kubonw’ abantu beqhub’ iinkomi ezininzi khona ngaph’ eMzimkhulu kub’ amaMpondomis’ am’ aph’ ad’ aya kufik’ eMzimkhulu ukwenza kwawo…kubonw’ abant’ abaqhub’ umhlambi weenkomo bas’ke bawuqhube bawuqhube lo mhlambi ‘s’ke bawuyeke babaleke…basukelwe babanywe yintoni hayi singamaMpondo ezi nkomo…uTshaka uyeza imikhosi uDukuza ibandla likaTshaka liyangen’ emaMpondweni…ke ngoku k’ uFak’ uthe masibek’ ezi nkomo kwezibuk’ eziza kuwela kulo zilale khona ukuze ke xa sibona laa mikhos’ isondela siziqhube aze amaZul’ alandele ezi nkomo aze kungen’ apha kuni maMpondomise ayeke le nto yokusoloko eya kungena kuthi thina maMpondo pha’…ngoko ke njengokuba sithetha nje nilibele sith’ ayez’ ama— amaZulu impi kaZulu…kwakhwazana ke ngok’ amaMpondomis’ aqokelelana yakhutshw’ impi uba mayihlangabeze ngokwenene yabonana nempi kaTshaka ibandla e— ibutho ekwakuthiwa nguDukuza…imikhosi kaMyeki yalibulala yaligqiba tu…wabaleka umntu waya kuxela ke ngoko kuTshaka uba ibandla elinguDukuza libulewe ngamaMpondomise…ithi k’ ingonyama yakwaZulu ngubani na l’ uthinta uTshak— uZulu…ngubani l’ umthint’ uZulu Dingana hamba hamba hambokroba lo mnt’ uthint’ uZulu…waphuma k’ umkhos’ omkhulu wamaZulu ukuza kumaMpondomis’ apha ngo1828…waphuma ke umkhosi omkhulu wamaZulu ukuza ke ngoku k’ apha…amaMpondomise kweli thuba emkileyo ebulew’ amaZulu axabana…isikhulu sasemaMpondomiseni esigama linguZozi…sithi ilizwe ngoku liyafa amaMpondomise lo mnt’ uwaphetheyo u-weak ubuthathaka uMyeki lo…ubukhosi mabuphindele kwa kuVelelo sizokukwazi ukulwa nezizwe…kwaxatyanwa ke ngoku ngaloo nto ngamaMpondomise ngok’ odwa…uth’ uZozi siza kubhuqwa siza koyiswa zizizwe ngoku ngoku kufike ithuba lokuba silwe noTshaka ngqo…lo usiphetheyo ngoku ubuthathaka…amaMpondomise ahlulelana ngoku phakathi kwakuthin’ ukuthi ukumkan’ athotywe…angxululan’ amaMpondomise laf’ ilizwe ngoku phakathi kwamaMpondomise…kwathi ngoko lifileyo kwavakal’ uba uyez’ uTshaka…ngoku alway’ apha amaMpondomise alwa ngokuba makakhutshwe lo uyez’ uTshaka…kwasatywa ke ngamaMpondomis’ ukusuka eMzimkhulu kwahanjwa kwathi nxa kufikwe apha eMbutho kule mimango ikufuphi neXhokonx’ eli…kwafik’ ilizwi elithi hay’ uZulu uphindile…kuthe akufik’ amaZulu afika kungafumaneki zimpi apha aphinda…kwathiwa ke kulungile uVelelo u— njengokuba ebangis’ ukumkani…aba babangis’ uVelelo bathi ukumkani wamaMpondomise makehle loo nto mayiqhutywe loo mfazwe kuba asinakuze siyek’ ukumkani siphathwe nguVelelo…kwabonakal’ uba ke ngoku ke ayahlabane k’ amaMpondomise…kwathi xa kuliwayo aph’ eMbutho wath’ umnt’ ophay’ endulini kuCingco…wathi ‘kha nikhangele phesheya kweTsitsa lolwan’ olaa thuli…ba’bangath’ ukukhangela yoo! afikil’ amaZulu…mhla k’ amaMpondomise abulawa abulawel’ ukugqitywa ngamaZulu…ukusuka phaya eMbutho kwaba lukhuk’ olunye lokufa kwabantu kude kuye kuba seMbashe ebulaw’ amaMpondomise ngamaZulu engalwanga nokulwa…kwathi ke kwakufikw’ eMbashe ayekw’ apho…bathi bephuthum’ abaThembu namaXhosa namaGcaleka yabe ‘se imkil’ imikhos’ kaTshaka ithathe zonk’ iinkomo zamaMpondomise ithathe nabantu yonke loo nto kwadudulwa kwabhekiswa le kwaZulu…abuya k’ amaMpondomis’ afan’ abuya ke aza kwakhe ebulewe yimikhosi yanantsika ukuze ke ngeloo xesha ke likaTshaka uSotshangana lo uphethe kwanantsika uselapha kwaZulu…inko— injinga eyayihamba noDingana umninawa kaTshaka yayinguSotshangana ukuze zithi k’ iimbongi xa zithetha ngoSotshangana zikhale

 

ngoSotshangana ngeNgonyam’ eya phuz’
amanz’ oMbashe
uMbashe waseXhoseni…

 

yiloo mini yokubulawa kwamaMpondomise ngamaZulu…yonke k’ inkomo yathathwa ke yasemaMpondomise ipha— njengokub’ upha kwaTshali kuJengca…yayikuloo ngxingwa yonke zathathwa pha’ kuJengca zemka kwemkiwa nazo ukubhekwa lee kwaZulu iinkomo zamaMpondomise ebulewe ngamaZulu…mhla ke amaMpondomise la ehla ekubeni sisizw’ esona sikhulu apha alinyazwa nguZulu…abuya k’ ahlal’ apha amaMpondomise…akubuya ke ngoku ahlale amaMpondomise…e— kwabonakal’ uba iinkosi zawo mazibe mbini kuba le nkos’ inguVelelo ‘be kuthiwa mayiphathe…akoyiswanga uMyeki lo ‘be kuthiwa makehle ubuthathaka akoyiswanga…kwathi ngenxa yoba zingoyisananga xa ‘be zisedabini zaphazanyiswa ke nanguZulu lo zase ziphatha ke ngoku iinkosi zombini yiloo nto ke kukho uDiliza naleya ke ngok’ inkosi ingaphesheya…yenzeka ngolo hlobo ize kube njalo…ahlale ke ngoku amaMpondomise ke athi ke la maMpondomise amany’ aphathwa nguMyeki unyana kaMngcambe amanye aphathwa nguVelelo njengokuba kuse njalo ke nanamhla…uphethe ke uMyeki ‘be noVelelo…kuthe ke ngoku ziphetheyo iinkosi zamaMpondomise zimbini zipheth’ amaMpondomise…e— kwafik’ uMadikane…o— kwafika— mandithi ke kwafika iimfecane ke ngok’ ezivela kwaZulu…ewe kwafika ke ngok’ iimfecane o— mandenjenje…zakuba zimkil’ iinkomo zamaMpondomise zaya kugaleleka kweliya lamaZulu…ngo1828 wafa uTshaka kwasala ke ngoku kuphath’ uDingana…kwathi ke kwakuphath’ uDingana ke ngoku iinkosi zasentla ke ngoku ezibaleka uDingana zaza kuwa apha kwaliwa iimfecan’ ezingaphele ndawo ngoku ngamaMpondomise ooMakinana ooGolizulu nezinye k’ iinkos’ ezafikay’ apha zichithwa kwaza kufik’ uMadikane…wathi akufik’ uMadikane wawathath’ amaMpondomise watsho wawachitha waya kuwalahla kubaThembu…kwathi xa kulaph’ ebaThenjeni bamncedisa…abaThembu neziny’ izizwe zawancedis’ amaMpondomise wabulaw’ uMadikane…nonina owayenguVatshile neenkosi k’ ezininzi zakwaMadikane kungekatshiwo ke ukuthiwa ngamaBhaca kusathiwa yimiNjoli…yabulawa k’ imiNjoli kaMadikane ngabancedani abaThembu namaMpondomise kulawa— kwisithili saseNgcobo…yakubulawa apho wasal’ unyana kaMadikan’ uNcaphayi waza kwakha kwesi sithili sakuQumbu amaMpondomis’ elee ewachithil’ apha wakha ke kwesi sithili sakuQumbu wahlala…uthe ke esahleli ke ngok’ apha kwisi sithili sakuQumbu…amaMpondomise ke apha ke ngoku ke ngaphandle kwelizwe lawo ngoku wawachitha kweli lawo lonk’ ilizwe yanguye ngoku obus’ apha kweli lizwe…kuhlaleke ke kunjalo kwaza kuthi ke…kwezi mfecane zamaBhaca ngok’ ahlel’ apha…e— ambulala uVelelo amaBhaca ngoku ahleli apha kuQumbu kweli lasemaMpondomiseni…uMyeki ukumkani ‘sele eseRode apho akhona kwezaa zithili zaseLady Frere apha asabele khona…kwakuba kube njalo efile uVelelo…u— amaMpondomise ke ngoku kwabonakal’ uba hayi makachithakal’ ubuMpondomise mabuphele konke kweli lizwe kubuse ke ngok’ amaBhaca…amaMpondomise ke athi ukwakha ke ngoku akha kweli thuba leNyanda amany’ akha lee konke k’ eli labuswa ngamaBhaca…kuthe ke ngok’ abusileyo njalo amaBhaca kweli lizwe aphind’ akhuph’ impi eya kwakumaMpondomise akhuph’ imp’ eya kumaMpondomise njalo njalo…kuthe ngamhl’ uthile amaMpondomise kufe uVelelo waye uMngca— unantsika uMyeki elee eRode waf’ uVelelo ebulawa yimfazwe yemiNjoli…ngoku ke yaza kuba ngunyana kaVelelo uDiko owathi noDiko ngale mini yokufa kukayise wangxwelerwa yimpi waya kufel’ eMngazi…amaMpondomise ke ngoku ke aphathwa li— kwemisw’ ibamba ema libamb’ ubukhos’ uMandela…ayikhupha k’ amaBhaca kwakhon’ impi uba mayiye kumaMpondomis’ iwachithe…kuthe ke kwakho ke iduli elaliwa kwesaa sithili ‘sithuba saseNgqeleni idul’ elaliwa namaBhaca…koloo duli ke laliwa apho amaMpondomise afuna ixhwele leHlubi elalinguVuthela igama lalo elath’ eli xhwele lathath’ iramba lathath’ unomademfu lathath’ ubisi lenza ke ubugqi balo laza lathi ke lakuba lenze obu bugqi lajonga lajonga apho ebugqini lathi MaMpondomise namhlanj’ amaBhaca niya kuwoyisa…ay’ efikil’ amaBhaca okwenene ke kwaliwa ke kwindaw’ ekuthiwa kuseMxhoxho kwisithili saseNgqeleni oyisw’ apho k’ amaBhac’ achithwa ke ngamaMpondomise abulawa ke…athi ke akuba ebulewe k’ oyiswe kwelo duli alincama k’ eli lamMpondomis’ ilizwe…afuduka ke ngoku aya kutsh’ emMpondweni afik’ apho ke ngoku ayek’ ukuzimela angabaphathwa aphathwa ngoku nguFaku…ngok’ eb’ elaph’ eb’ ezimele kuba abanini-lizwe eb’ eboyisile aphathwa ke ngoku nguFaku phaya…abuya k’ amaMpondomis’ aza kwakha kwasezweni law’ apha…akubuya ke ngok’ amaMpondomise akh’ apha…kubuya ke o— emka k’ amaBhaca aya kwakh’ akh’ emaMpondweni…ngok’ aphay’ emaMpondweni kwaxaban’ uNcaphayi unyana kaMadikane noFaku…kwaliw’ idab’ elaba likhulu elikhulu oyisw’ amaBhaca kweloo dabi…wabulawa uMadikane u— u— uNcaphayi wabulaw’ uNcaphayi…yesuka k’ inkosikazi kaNcaphayi…yaza kutsho pha’ kuQumbu kwikomkhulu lamaMpondomis’ elalilapho e— kuphethe uNkos’ uMbali ebambele uMhlontlo…akufika k’ apho u— unkosikazi kaNcaphayi uMamJuxu igama lakhe…wafika ke esithi ndiyabhaca MaMpondomise nesizwe sam semiNjoli sicela ukucholwa…uMbali ke lowo wawanika ke eli lizw’ akulo amaBhaca lonke k’ eli esi sithili saseMount Frere…wanikwa ke ngamaMpondomise ethi ke ngoku ayabhaca akayomiNjoli ngok’ ayabhaca kub’ oyisiwe yimfazwe afik’ akha ke amaBhaca kweli lizwe…afika ke amaMpondomise ‘sel’ ebuyile kokwa kuchitheka ‘sel’ elapha inkosi ewaphetheyo inguMbali…uMbali ke ebambele uMhlontlo e— waphatha ke uMbali…akuba ephethe ke uMbali ngethuba ke leminyaka emihlanu efikil’ apha amaBhaca kwabonakal’ uba uMhlontlo lo makaluke azokuba yindod’ azokukwazi ke ukuthath’ indawo yakhe…kwathi ke ngok’ walukileyo afik’ amaBhaca avingcel’ abakhwetha aba phay’ endlini…ababulala…lafa ke ngoku ilizwe lamaMpondomise phakathi kwamaBhaca namaMpondomise…lakuba lifile ke ilizwe…inkosi yamaBhaca ke ngoku nguMakhawula unyana kaNcaphayi kant’ ukufika kwamaBhaca eb’ efike ehamba nonkosikazi unkosikazi ke unyana wakhe ebanjelwe nguDiko owayebambele uMakhawula lo…nguDiko ke abathi nonkosikazi bayabhaca iz’ ibe ngamaBhaca nje…ngoku ke ‘se inkos’ inguMakhawula lafa ke ngok’ ilizwe…uthi ke uMbali uthi k’ uMakhawula…esuk’ uMakhawula ayokuthatha uJojo iXesibe ukuba makuzokuncediswa kule mpi esuk’ uMakhawula ayokuthath’ uSidoyi eNtlangwini ayokuthath’ iMsingaphantsi iBhaca ayokuthath— elaa liphesheya koMzimkhulu ayokuthath’ uSonyangwe iBhac’ elaliphesheya koMzimkhulu…e— ibe ngamaBhaca la…ibe ziinkos’ ezimbini zabeSuthu uSirunyana noLipina…kusuke ke loo mkhos’ ungako ke ngok’ uza kumaMpondomise…uthi wakufika ke loo mkhos’ ungak’ ubukhulu lithi k’ ibamba laa mkhos’ asinakulwa kuwo…ngoko ke masizinikele ngokuthi sithathe yonk’ into eyinkomo siyiyeke bayithathe…uthi ke uMhlontlo lo useSuthwini uth’ uMhlontlo hambokuphi naba bantu bawokazi…uth’ omnye thathan’ intambo nimkhulek’ uyaphambana…laa mpi asiyomp’ ib’ iliwe wathathwa ke wabanjwa wakhulekwa…zayekwa k’ iinkom’ uba mabazithathe…ngoku ke bathimba le mihlambi yeenkomo ‘s’ke omny’ umfo wakhulul’ uMhlontlo lowa njengokub’ ekhulekiwe wath’ aph’ akhululwa khon’ uMhlontlo bonke laa makhwenkwe bangabakhwetha kunye nawo…wawela nawo…emazants’ eThina wa— wakuw’ angene ngaphakath’ amaBhaca athi ngok’ alapha e— esithilini kuQumbu waye umkhosi kaMhlontlo lo wabakhwetha ‘se ugwaza pha’ kwaBhaca utshisa kuqhum’ uthuli ‘s’k’ athi— kwathi ke ngoku kwakuba kunjalo kuqhum’ uthuli pha’ kwaBhaca kuzizisi uMhlontlo ‘sel’ esik’ amaBhaca pha’ aphum’ amaMpondomise la e’b’ ezimele ngoku emahlathini angena kule mp’ iqhub’ iinkomo…yathi le mpi kub’ ibona ‘se kuzizisi kweliya lakwaBhaca yas’ke yabaleka…ngoko ke yaba loo mp’ ingako ngoku ayazi ke ngoku ke yas’ke yabulawa ke ngoku abantu ke ngoku imikhosi ke ngoku kuba kukho engaphambili imikhosi kukh’ engemva yonke ke loo nto yasikwa kwas’ke ke wath’ uMhlontlo mabagqitywe makubulawe kubulawe kubulawe kungabe kushiyeke nob’ abe mnye kungabuywa bengagqitywanga…kwathi ke xa kunjalo kuphiphiphi kubulawa laa mikhosi yamakhos’ asixhenxe kwavel’ umfundisi owayese ophay’ eTshungwane eOsborne…wathi uMhlontlo uMakhawula nguye lo phay’ esikolweni uyazinikela…ngoko ke nqand’ imikhosi iyek’ ukubulala i— i— impi nqand’ impi iyeke ukubulala imikhosi kaMakhawula uMakhawula ezinikela…kwathi ke kub’ uMhlontlo wayengumntu owaye— ebahloniphil’ abafundisi…kwanqandwa ke ngoku yonk’ imikhosi kwayiwa kuMhawula wathi hay’ uMakhawula ndiyazinikela ndingumntu wakho Mhlontlo…yaba k’ iyaphel’ imfazwe…uMhlontlo ngokuya ke eb’ esiw’ esikweni waya kwaluswa was’ es’ke wabuya ‘s’ engukumkani ngenxa yeli dabi kub’ u— u— uyisekazi eb’ eloyika…uMhlontlo ke wayifunz’ impi kwaliwa ngolu hlobo kwaliwa ngalo yoyiswa k’ imikhosi yabancedani le yalaa makhos’ asixhenxe kwathi kubuywa waye uMhlontlo ‘se kusithiwa bayethe! engukumkani wamMpondomis’ ukusuka loo mini…kwaza ke ngoku ke yaba ke uMhlontlo ke kungena ke ngoku uMhlontlo ongukumkani wamaMpondomise…ngoku ke kungena uMhlontlo ebukhosini la maMpondomise kaVelelo e— uVelelo ke ufile yanguDiko uDiko wafa linxeba yanguMandela obambele ke unyana kaDiko…ngoku ke kungena uMhlontlo la ke amaMpondomise la kaVelelo ‘sel’ ephethwe nguMditshwa ke ngoku unyana kaDiko…yena ke umi kweli laseNgqeleni naseMthatha…eli ke lonke liphethwe ke ngoku nguMhlontlo e— nguye oyikumkani kumaMpondomise…lahlala ke lalilizwe ke ngoko ke lamaMpondomise ahlala ke ngoku ke elizweni lawo ngok’ amaMpondomise epheth’ elawula zonk’ ezi zizwe zilapha ziphantsi kobukhosi lamaMpondomise…xa kunjalo ke uMditshwa unyana kaDiko uDiko kaVelelo wanemfazwe nabaThembu ngoku ke akweli labaThembu…wanemfazwe ke nabaThembu…e— loo mfazwe ke wathi wanayo uMditshwa nabaThembu yaba yimfazwe ke eyaba nobunzim’ obukhulu kuba ngoko anemfazwe nabaThembu…e— amaMpondo avela nawo ancedis’ abaThembu…ngoko ke u— kumaMpondo ke inguNdamasa…e—

 

uNdamasa ke uzala uNqwiliso
uNqwiliso azal’ uBhokleni
uBhokleni ngul’ uzel’ uPoto…

 

uNdamasa ke wayikhupha ke nay’ impi wayifaka ku— kuMditshwa kula maMpondomise kaMditshwa…ke ngoku uMditshwa kwabonakal’ uba le mfazwe…ithi yakufika le mpi yabaThembu ayoyise ithi yakufika le yamaMpondo impi ayoyise…’s’ka ngoku ngamin’ ithile abancedani bafika kunye abaThembu namaMpondo…into ke leyo eyathi yangqingwa ke ngoku ke impi kaMditshwa…uthi ke uMditshwa umfo kaDiko uDiko kaVelelo…nxa ethatha ke ngoku kwimpi le yakhe uthi ke namhlanje int’ ema siyenze inye masingashukumi kule ndawo sikuyo ize sithi ukusuka kwethu singene kweloo bandla lakuqal’ ukuwis’ umkhont’ apha phakathi kwethu sifele kulo…wathi k’ akuba etshilo

 

umnta’ kaDik’ omazinyo mabini
engaba mathathu kwakuf’ uMtika
uMtik’ omcane waseMpondweni
uNdamas’ ofumba kuNoqingatha
kuba elala eqolo
kulal’ iNgwanya lakwaMajola ngaphambili…
uJoyi othand’ imfazwe
kub’ efike wahlaba ngenqand’ enkundleni kwaMngcayi
wath’ uyayirola yamhlab’ emsintsileni
uza ‘se uba nje unokhwekhwe
ungazosuliyo phezu kwexhwili…
uNduku kaNdamas’ eyadla eqolo kuMbola
kwabethan’ iintw’ ezimbi zasemaMpondweni
kwasuz’ uQakaza kwethuk’ uNdlebe kwasemaTolweni
lisiko lamaMfengu kad’ ukusuzelana
uBhani onamaphiko uGasa kaNiphazi…

 

wath’ akutsho wayihlalisa phants’ eyakh’ impi…wathi mayihlale phantsi yahlala…yafunza k’ imikhosi yabancedani…xa ikude kufuphi ingekafiki kumgama wokuba ibinze okanye idubule ukub’ iyadubula…kwabonwa kusiz’ uthuli…olwathi lwakufik’ olu thuli…wath’ omiyo waya kuhlaba ngobuso wath’ ophethe ikhawana lakhe laya kuntinga laya kutsh’ apho lingaziwayo yangulawo wabambelela phantsi walahl’ izixhobo walala phantsi…lo moya olo gquthekazi ledlula lath’ ukudlula kwalo kwaye kuhlwile kumnyama…walal’ apho oleleyo omnye wafan’ wabhadula ukusuku kwathi ngengomso ngoku kwase kuphel’ imfazwe kungekho mntu ufuna kulwa ngoku ingulowo efun’ ikhaya…zemka ezo zimpi kungaliwanga uMditshwa nabakh’ abantu abaThembu n— yemka yamaMpondo akwaliwa ngenxa yale nkanyamba yalo moya…hayi ke lazola…lakuba lizolile lafik’ idikazana lisithi abancedani kwakho bayeza abaThembu namaMpondo bahlulekile kukuza ngabanye bagqib’ ekubeni ngalo lonk’ ixesha besiza mabeze kunye ngemin’ enye…yasuka ke ngoku amaMpondomise la’ kaMditshwa esaba ke ngoku ukusuka kweli linesithili saseMthatha ngoku nesaseNgqeleni naseLibodi kude kub’ uMthath’ uya kungen’ elwandle kwafudukwa ke ngoku apho…yaqhutywa ke impi yaza kuqatyeliswa njengokub’ uphaya kuJengca inkal’ a’qatyeliswa kuyo kuthiwa kwaMkhalana aya kuqatyelisw’ apho ke aza kuqatyeliswa apho ngoku avunjululwa kulo lonk’ eli lingaphants’ aph’ ilizwe…aza kufika ke kwa kwamany’ amaMpondomis’ apha…ke ukufika ke kukaMditshw’ apha wafika kukho inkosi yabaThemb’ elapha enguJumba…e— kwakubonakal’ uba ke njengokub’ amaMpondomise k’ echithiwe ngabaThembu kweliya kwabonakal’ uba lo mThemb’ ulapha makachithwe kodwa makangabulawa…wesuk’ uMditshwa i— i— ikomkhulu likaMditshwa uMditshwa nentsapho yakhe waya kugalela kulaa mzi wakomkhulu wangulow’ umnumzana wakhangel’ umzi olingana intsapho yakhe waya kugalela kuwo…babaleka ke ngok’ abaThembu bakubona kungen’ impi ingabagwazi ingen’ aph’ ezindlini babaleka k’ uJumba wawelela kwangaphesheya kwabany’ abaThembu…kwaba ke amaMpondomis’ afik’ abuyela kwa kumanxiwa waw’ amadala la ke ayekh’ afuduswa kuwo lemiwa k’ eli lizwe ke ngamaMpondomise…eli lizwe ke liphakathi koMthatha noMzimkhulu koLundi namaMpondo zema ke ngoku amaMpondomis’ elawulwa nguMhlontlo ukumkani nguMditshwa inkos’ enkulu yesibini…kwahlaliwa ke…kwakuba kuhleliwe ke kweli lizwe ke ngoku kuhleliwe ke kweli lizwe ke ngoku…zangena ke ezi zizwe ke uzibonayo ukungena ke kwazo ke ngoku iinkos’ ezibooLubenye iinkos’ ezibooLuhane iinkos’ ezibooMagwayi iinkos’ ezibooSidoyi zonke k’ iinkosi ezi ezigqibe mandithi ezi nkosi zikwezi zithili zisibhozo ngoku kwezi ofisi zesisibhozo ngoku zangena k’ iinkosi ke ngok’ zicela ke kuMhlontl’ apha noMditshwa ukwakha zangena ke zakha…ke kaloku kusenjalo ke zingena iinkos’ ezi kwaxatyanwa ngamaMpondomise…kwaxatyanwa ngamaMpondomise…ngemfazwe kaPhakana…uPhakana ungumntu kaMditshwa…ke ngeny’ imini kudlula abantu abesuka komkhulu kwaMhlontlo…’s’ke badliwe zizinj’ apha kwaPhakana…bazibethe uthi k’ uPhakana nizibethelani na ndizinqand’ izinja…bathi ke bona hayi ziyasidla…uthi ningabantu baphi na bathi ke bona komkhulu kwaMhlontlo…uth’ uPhakana kukh’ umntu na kwaMhlontlo abantu ‘be bathandathu nje inguMhlontl’ owesixhenxe…Magezandini nide nibeth’ izinja zam nizidla ngantoni…hayi ke bedlule…as’k’ ath’ uPhakan’ esahleli ngeny’ imini abone kuvel’ amahash’ amathandathu ibe nguMhlontlo lo wesixhenxe besiz’ apha kwakhe…kwewu! bese besuka babaleke…’s’ke afike uMhlontlo nala madoda zithathw’ ezi nkomo kuba uthukiwe nguphakana…zakuthathwa k’ iinkomo zikaPhakana kubonakal’ uba ke ngale ndlela malife k’ ilizwe kuba unkos’ uMhlontlo akenzang’ uba kuthethw’ ityala us’ke wenz’ impi ‘s’ke lafa ilizwe ke ngoku kumaMpondomise…lakuba lifile ke ilizwe imfazwe ke eyawabulalay’ amaMpondomise…yawabulala k’ amaMpondomis’ imfazwe yokokuba esilwa ngoku odwa…kuloo mfazwe ke kwenzeka le nto…njengokuba ‘se kukho uBishopu Key umfundisi…kuthi ke ngeny’ imini ebusuku kumzi o— owawume emishini apha imishini ke isiphaya eSt. Augustine…ebusuku njalo kubonwe kufik’ uMhlontlo…athi kuviwe ‘sel’ ethetha phandl’ apha…Mve! tyhini! inguMhlontlo nje lo kuliwa naye Mve Nkosi khawuvele…angqung’ angqung’ aphume…masiye kuKey…bahambe ke baye kuKey…ee Mfundisi ku— ilizwe lifile abantu bayaphela ukuze le mfazw’ iphele singayithini unganal’ icebo…ewe lithini cel’ uRulumente azokunilamla…uphi uRulumente wamaNgesi…ayalelwe ke nguKey int’ emakayenze ukumkani wamaMpondomis’ uMhlontlo…nguKey nguMve le ndod’ ib’ ibizwa nguMhlontlo bathathu ebusuku…hayi ke ath’ akugqiba ke ukuthetha kwakhe ke uKey exela icebo lale nto aphume k’ uMhlontl’ ahambe…life k’ ilizwe lona ukufa kwabantu…o— lifike ilizwi elivela kuRulumente wasebuNgesini elithi ufuna ukudibana namaMpondomise kule ndawo ngok’ ineSomerville…hayi ke o—…kule ndawo ngok’ ineSomerville…amaMpondomise ke aye apho…kufike ke umkhosi wabeSuthu namajoni abelungu…kuth’ usakufika ke kube kho imantyi enguJosefu Oppel…aphakame ke umantyi lo e— kwangungaziw’ ukuba yimantyi ngoko kwakuthiwa nje nguRulumente aphakame k’ uJosefu Oppel…athi Mhlontlo umbizelani na uRulumente…uthi k’ uMhlontlo ndimbizela ukuba abe ngumkhuseli wam nabantu bam…uya kuyekan’ ukusik’ amagqwira ewe uya kuyekan’ ukukhuph’ impi kuf’ abantu ewe uya kumthobela na uRulumente urafe kuye ewe…uphi lo mhlaba wakho uthi uRulumente makawukhusele…usuk’ eMthatha uye kuma ngoMzimkhulu usuk’ eLundini ume ngamaMpondo…uthi ke uMhlekazi uJosefu Oppel namhlanje lo mhlaba usuk’ eMthath’ ume e— ume ngoMzimkhulu usuk’ eLundini ume ngamaMpondo uphantsi kwesandla sikaRulumente namhlanje ngoko k’ akube kubekho gazi ukusuka namhlanje…e— ajike ke kwa uMhlekazi lo athi uthini Mditshwa uMditshwa ke njengokuba eb’ esilwa noMhlontlo…uthi uMditshwa ndiyangena nam kuRulumente mna ke andinamhlaba int’ endinayo ndinabantu ndiza ke ngoko njengomfaz’ obelek’ abantwana int’ endiyifunayo ke kukuba uRulument’ atheth’ apha kum mna ke ndithethe k’ ebantwini abantu bathethe kum mna ndibhekise kuRulumente…abuze ke kwa ezi ngongoma uba uya kuyeka n’ ukusik’ amagqwira uya kuyeka na ukukhuph’ impi uya kuyeka— uya kumthobela na uRulumente uya kuyeka na e— uya kumthobela na uRulumente avume ke yonke loo nto e— le ib’ ibuzwa kuMhlontlo…uthi ke uMhlekazi uJosefu Oppel ukusuka namhlanje ngalo mhla wesithandathu kuOktobha 1873 eli le likaRulumente…kwaba ke njalo ukungena kwamaMpondomise kuRulumente…aphathwa ke ngoku ke angabantu bakaRulumente…ngoku ke akuba k’ aphethwe nguRulumente…kusuka kufike abantu kwaMhlontlo bathi inkosi yamaHlubi enguLangalibalele ifuna ukuza kwakha kulo mhlaba njengeenkos’ ezininzi ezisoloko zingena kuwo kodwa ke iza ngakumntakwayo uLudidi ath’ uMhlontlo ilungile mayize…kuthi ke kwakuba ke kugqitywe kuloo nto yokuba iyeza ke loo nkosi yeHlubi…kuvakal’ uba inkosi yeHlub’ uLangalibalele iyalwa nabelungu…lingazeki k’ ibali lokuba balwe ngantoni na naba— nabantu abamhlophe…uthi ke uMhlekaz’ uJosefu Oppel…e— Mhlontlo uLangalibalel’ uyalwa nomlungu…balwa ngani ngok’ uLangalibalel’ engumntu wam nje oza kungen’ apha…hayi uyalwa noNantsika— noRulumente…ke ndifun’ abantu lokuba babe ngamavolontiya kuyiwe kulaa nto…uth’ uMhlontlo andikwaz’ ukulwa nomntan’ ‘am andiyiva le nt’ uba kuliwa ngani na…athi ke uMhlekazi hayi akukho nto…e— Lubenye Luhane ziinkosi zabeSuthu k’ ezo…uLubenye ke ‘be noLuhane ziinkosi ezafika apha phakathi kuka186— malunga no1867 ukuya ku’70 kwelo thuba…zombin’ ezo nkosi ke zivel’ eLesuthu acel’ ezo nkosi ke uMhlekazi uba maziye kula— ziyokuba ngamavolontiya hayi ke zimke ke ziyichithe ke le nkosi inguLangalibalele…ichithakale ke iphele loo nto yaloo mfazwe yayo kubuywe ke…uthi k’ uMhlontlo ziphin’ iinkomo kuba kaloku ezi nkosi ‘be ziyokulwa phaya ngabanta’ bam ziphi iinkomo ngok’ eziza nazo komkhulu…ith’ imantyi isizi semfazwe siya kuRulumente asizi kuza kuwe…ndibe ‘be ndingenelani kuRulumente xa ngok’ izizi zingazi kuza kum…nguwe lo wenza le nto uRulumente akanakuyithetha loo nto ngoko ke kubhetel’ uba ube uma uyemka kuz’ eny’ imantyi…kubonakal’ uba bayaxabana ke ngoku ngale nto…hayi ke kuhlaliwe…kwakuba kuhleliwe zingene ke ngoku ii-ofis’ ezi iimantyi kuba imantyi yokuqala uJosefu Oppel lo ufike wenza i-ofisi pha’ kuTsolo eSomerville pha’ ngoku…emva kokuba k’ enze loo nantsika ke waze ke uJosefu Oppel wayimantyi yalo lonk’ eli lamaMpondomise liphakathi koMthatha noMzimkhulu koLundi namaMpondo…waza ke walungisa ke ngokwakhe ke ngoku ukungenisa iimantyi zezithili ngezithili…zangena k’ iimanty’ ezi Mount Frere Mount Ayliff e— Kokstad e— Matatiele Mount Fletcher Tsolo Qumbu McClear zangena k’ ezo mantyi ke ngoku ke ‘se singena ke phantsi kukaMhlekaz’ uJosefu Oppel zangena ke zangena ke zangena ke…ngoku ke kus’ke inkosi yaseMatatiele uMagwayi angavumi ukurafa la rafu kwakuthiwe mayirafwe ngamaMpondomise…ithi ke imantyi yesithili sakuQumbu uMhlekazi uJose— uNantsika— uHamilton Hophu…uthi ke Mhlontlo kukho umntu wakh’ owalay’ ukurafa ngoko ke kuthethiwe naye ufanel’ uba ngoku kuse kukhutshw’ impi…uthi k’ uMhlontlo akunakulunga ukuba ndibe ndikhuph’ impi kuba inkosikazi wam uMaSarili ubhubhile ngoko k’ andikwazi— ngesiko lesiMpondomise akunakuza kuthethwe mpi ndim…kufuneka ndithule ndingathethanga int’ enjengempi…uthi k’ uMhlekazi uHamilton Hophu ulixoki…ulixoki…ub’ uthe uya kunithobel’ uRulumente ngok’ akumthobel’ uRulumente ulixoki…as’k’ esuk’ uMhlontl’ ahambe…ath’ akufika ke ekhaya kubizw’ imbizo yamaMpondomis’ aphelele k’ amaMpondomise axhel’ inkunzi…kudliwe le nyama…kuthi ke kwakugqitywa ke ngok’ ukudliwa uthi MaMpondomis’ int’ endinibizele yona yileya yokuthukwa kwam ngumantyi niyivile na kuthiwa siyivile uthi nithini…uthi uGxumisa e— laa nto yenziwe yimantyi mayigxothwe kuxelelw’ uRulumente uba laa mantyi mayimke akungez’ uth’ ungukumkan’ uthukwe mayigxothwe laa mantyi…uthi nithini MaMpondomise ndithukiwe nje ath’ amaMpondomise sitsho sonke sith’ umantyi makagxothwe…kuthi nxa kulapho kusuke umf— iqhaj’ elikhulu lasemaMpondomiseni uMahlangeni…iqhaji ke elikhulu lasemaMpondomiseni linje elona qhaji nokuba lifika kuwuphin’ umzi ukuba kuyaxhelwa kwakusikwa le nyama ugebhe kubekwe phambi kwalo nxa lidlayo lakusikelwa isifuba kubekwe phambi kwalo elona qhaji ledlula onk’ amaqhaji akhoy’ emaMpondomiseni…uthi k’ uMahlangeni iqhaj’ eledlula onk’ amaqhaji awayekho kuloo mihla uthi yintoni na le niyithethayo bubugwala bani n’ obu nibuthethayo khanindibize kuthiwe Ntsuke-ntsuke athi khanindibize kuthiwe Ntsuke-ntsuke…ayifunqul’ inkab’ ehash’ ayigibisel’ ebuhlanti bamahlahla ayokuwa nayo ngaphakath’ aphind’ ayiphethul’ ayigibisele izokuwa ngaphandle athi MaMpondomise ngubani l’ uthukwayo ukumkani waMpondomis’ athukwe…ath’ amaMpondomise makagxothwe lo mantyi aka— asingoRulument’ othuke inkosi ngulo mntu makagxothwe ke…iphele k’ imbizo…ngoku ke yakuba iphelile ke imbizo abiz’ imbizo ke uMhlekazi uJosefu…ithi yakufika e— kube sethafeni kuthi ukuba kufikwe phay’ ethafeni athi ndisatsho ukuthi makuyiwe kuMagwayi ongavumi kurafa…uthi ke uMhlontlo hayi umcimbi wakho ndiwuvile ke andizi kuba nako ukuya…uGxumisa lo uza kuba ndim amamele yonke imithetho oza kuyiqhuba…ngoko ke nang’ amaMpondomis’ akho uza kuthetha ke wena nawo yiz’ apha Sunduza uSunduza ke yayingunyana womfundisi…bahambe ke aphakame ke uMhlekaz’ uHophu uthi ke uHophu MaMpondomise ndinibizela ukuba kuyiwe kuMagwayi ngempi kuba akathobeli kudala ndithetha naye MaMpondomise athi xa etshoyo ath’ uMahlangeni khanithi Ntsuke-ntsuke elaa qhaji ‘be lidlala pha’ komkhulu kuthiwa Ntsuke-ntsuke athi ndithi khanithi Ntsuke-ntsuke kuthiwe Ntsuke-ntsu— kwow’! atsibe…atsho ngodini apha ke uhlab’ umantyi…aphind’ ahlabe nomny’ aphind’ ahlabe ‘ba yayingabelung’ abathathu…abahlab’ aba belung’ apha bobathathu athi xa ehlaba lo wesithathu ipolisa elinguThethani elalikufuph’ apha lee lidubul’ uMahlangeni limphose…apho limphose khon’ atsibe epoliseni libaleke lingen’ententeni athi xa engen’ ententen’ afik’ uMhlontlo yintoni amnqand’ uMahlangeni lo…babe aba belungu bobathathu befile…wanqand’ aph’ uMhlontlo hayi la mapolisa hayi…u— kumiw’ apha ngoku kuthiwe kuya kuthiwani kwakuthiwani kwakuthiwani…hayi ke kungazeki ngoku ukuba kuza kuthekani na…athi uMhlontlo bonk’ abant’ abamhlophe mabez’ apha…kufuneka bahambe babheke emishini eShawbury baza kwenzakaliswa ngamaMpondomise…hayi ke ngoku ke ibe sisiphithiphithi ke ngoku abanye batsib’ ezivenkileni bazithimb’ iivenkile…kuthi ke ngoko kuthinjw’ iivenkile ezi apha ke kuTsolo kukh’ imanty’ enguWelitshi…abalek’ uWelitshi akuva ukuba kunje ayokungena e— a— angen’ etilongweni phaya eSomerville nabelungu abakhoy’ apha abamhlophe bangen’ apha etilongweni esuk’ ay’ uMditshwa…e— hayi ndikhona Welitshi phuma ndikukhaphe ndikubhekis’ eMthatha hay’ ndiyakoyika…ngena wena hayi phuma ndikukhaph’ hayi…hayi andinakungen’ apha…asuk’ uMditshw’ abize uSilotile abize uMngcotane…inzala kaSilotile ikulaa lali lokishi kuthiwa kukuNoziyongwana ngoku inzala kaSilotile…inzala kaMngcotane yil’ isentaben’ ekuTsolo abize bona ke loo madoda omabini hambani niyokuxela eMthatha okokuba makuzokuthathw’ uWelitshi…hayi ke bahambe ke kuthi ke emva kweentsuku ke bafike umkhos’ wamaMpondo ukhokelwa ngala madoda mabini kukho nabelungu ke abahamba nawo kodwa ke uMngcotane noSilotile behamba nalo mkhosi bayokufika ke nawo kule ndaw’ ineSomerville ngoku…la madoda ke kuthiwe makh’ akhangele kungenziwa nto ngamaMpondomise nakuyiphin’ into eza kunceda u— umantyi lo…hayi ke bahambe ke…bemke ke…loo madod’ omabini anikwa ibhaso ng— nguRulumente uMngcotane ibhaso lokuphatha uSilotil’ ibhaso lokuphatha…emke ke ifike ke ngok’ impi yomlungu…hayi ke is’k’ ingabi yiyo nempi as’k’ achithwe ke ngoku amaMpondomise ke ngoku ke kuthiwe saa kweli lizwe ke ngoku k’ achithwe ke ngok’ amaMpondomise…kubekho imini yaseKhohlombeni apho amaMpondomis’ ay’ ephelele khona wafika k’ umkhosi wabelungu uKhohlombeni ke uphaya kuQumbu wafik’ umkhosi wabelung’ apho…ee! yavuthululwa imikhosi amaMpondomis’ aya kweyeliselwa emaweni kwaya kutsho khon’ apho angqingwa ke ngoku ke kweso sixhobo saseKhohlombeni…kwath’ ebusuku avuka ahamb’ aph’ emanzini…aphuma…kwath’ uba kuse kwow’!…yagalel’ imikhosi kaRulumente phaya kulaa ndaw’ ib’ inemikhosi le yamaMpondomise…yathi yasakubon’ ukub’ akuphendulwa yayeka kwasa tyhini yayibona le yamaMpondomise uba hayi iphumile…hayi ke yahamb’ imikhosi yabelungu…ithi ke yakumka ke imikhosi yabelungu…uthi ke omny’ umfo Nkosi Mhlontlo uGxumisa ufile…uGxumisa ke yilaa ndoda esaa sithethi ‘be sikhe sathetha kulaa mbizo kaMhlontlo…e— yilaa ndoda ibe isithi embizweni komkhulu yilaa ndod’ ib’ isithi ke noMhlontlo uGxumisa lo nguye oza kuphath’ imp’ eya kwaMagwayi…kuthiwa ke kuxelelwa ke uNkosi uMhlontl’ uba uGxumisa usele oko kukuth’ ufile…waza wagquma wathula wathula wathula wavuka wathi MaMpondomise namhlanje uRulument’ usoyisile…ke ngok’ esentab’ entabeni esamanz’ emanzini…masichithakale…athi k’ amaMpondomise sakuyenza njani na loo nto kuba sakuba ngavel’ apha sihlatywe siba ngavel’ apha sihlatywe nxa sinokuyeki ukumanyana sife sisilwa…uthi yena hayi ukuba nithe nakuthi thu kwathiwa niyiyiphi na ningatsh’ ukuthi singamaMpondomise yithini e— singamaTikita…nxa nitshiloyo k’ abantu bakukwazi ukuba anilwi baniyeke basuke banichole…hayi ke kwabonakal’ ukuba ke kuvunyelwana ke kwint’ oba ke hayi soyiswe…waphakama uMahlangeni laa ndoda yagwaz’ uHophu uHamilton Hophu yathi khanithi Ntsuke-ntsuke kwathiwa Ntsuke-ntsuke yathi khanithi Ntsuke-ntsuke kwathiwa Ntsu— yathi mna soze ndiye ndawo yatsho yathath’ imiganxo…yathath’ imiganxo yayibek’ apha yathi soze ndiye ndawo mna ndiza kuphelel’ apha…kwachithakalwa ke ngoku sisizwe…kwakuchithakalwa ke wath’ uMhlontlo masibhek’ eLusuthu…wath’ uMditshwa hayi ubuMpondomise ukuba sisukile apha bakuphela…siya kuba ngamamfengu nj’ angasoz’ abe nazwe…ngoko ke mna ndikheth’ ukuzinikela apho ndizinikele khona kuza kubanjwa mna bandixhom’ uba bayandixhoma abant’ aba babayeke bakhe ke kwa ilizw’ eli…ke akuba etshilo ke uMditshwa…ethe ke yen’ akazuk— konke akazuku— nantsika akazukuya Lusuthu uza kuzinikela…wawabiz’ amaMpondomise wathath’ ilaphu walibophelela eluswazini olude…wathi malithathw’ eli laphu lisiw’ eMthatha ukuxel’ okokuba uyazinikela…kwathi ke kwakuba kutshiwo— etshilo…wathi ke ngoku ke Nokhaka uNokhaka ke yinduna yakh’ enkulu thatha olu swazi wath’ uNokhaka ndakudutyulwa ngabelungu andinakuya…wathi uMditshwa Edwardi uEdwardi ke ngumshumayel’ owayefike noBishop’ uKey nguwe umnt’ okwaz’ ukutheth’ isilungu thatha olu swazi wathi uEdwardi ndonile na ukuthi ndingumThembu ndikulwele id’ iphel’ imfazwe loo nt’ uthi mandokufa phaya…kwathuleka kwathi ke nxa kuthulekileyo kwavela indod’ enkulu egama linguNomlala…yathi Mditshwa khawuthule kuthethe thina booNomlala…Manqophu uManqophu ngunyana wayo Thembani uThembani ngunyana wayo nants’ inkosi iyathetha nithini bathi asinatetho…kwathi nxa betshoyo kwaphakama umfo onguSibhalala kaSomhlahlo onzala l’ ilapha…waphakama wathatha elaa laphu wathi masiye…hayi ke bahamba ukubhek’ eMthatha bemka bemka bemka babuya oo hayi umkhos’ uza kufika…ke ukuba uyazinikela uMditshwa sakubona ngokuza kwakhe kuwo kodwa ke sakudubula phezulu…ukuba ke akaphindisang’ uzile koba kulungile…wafika k’ umkhos’ apha wathi usakufik’ umkhosi amaMpondomise athi wakuvel’ ema kwowu! kwadutyulwa kwow! ‘hle’ nje kanti akukho kuzinikela siza kuthi ngoku sizinikelayo sibe sidutyulwa kwabalekw’ ukubhek’ emahlathini…laa madoda mathath’ esuk’ aya aya kufika phay’ empini…kutheni kaloku nibaleka nje ‘be sithe sakudubula uphi uMditshwa hayi yizani ndimse…uThembani uSibhalala uManqophu bahamba ke ngokuna baya kufika ke kuMditshwa hayi waphuma k’ uMditshwa wazinikela…waba ke usezandleni zikaRulumente laba liyaxola k’ ilizwe…hee ke ngokubhekiselele ke phaya kuMahlangeni leya ndoda ib’ isithi yona mayinikwe imiganxo imipu imbumbulu yahlala loo ndoda…kwakancinci imikhosi yamva yaya kule ndaw’ ahleli kuyo kwow’! yaliqhuqhuqh’ apho uhlel’ esixhotyeni hayi wadubula watsho kwaphela baba ngathi abamboni nob’ uphi na…’s’k’ abuyela ph’ amajoni ahlala…amlinda as’k’ arol’ iinto zaw’ adla kwaba ngas’ ahlala kwabe ngas’ ahlala…’s’ke ngenye intsasa kukh’ inkungu ‘s’ke kwath’ ukusuka kwenkungu tyhini nguye lo ukh’ umbona aph’ enkampini ukh’ umbona uyafula wath’ ebalek’ esiy’ ehashini aye ‘s’ embonil’ ama— nantsika amajoni…kwow’! amxhesh’ apha ukuya kwaphay’ enqabeni yakhe…kuthi ke nxa kuyiwa phay’ enqabeni kulaa ndaw’ abalekela kuyo akhangele ngasemva abone uLerry esiza kalukhuni ngenkab’ ehashe ngoNgcazimbane inkabi kaMhlontlo e’se ithinjiwe kuMhlontlo…uthi hee Lerry hee Lerry khawuleza uza kuyiphath’ imbewu ngomlomo uya kuthi ufikile kuMahlangeni namhlanje uza kub’ uvile…kwow’! bazinyanzel’ iinkabi as’k’ athi ub’ afike phay’ esixhotyeni as’ k’ atsibe phantsi gxidi athi kwalunga! utsh’ erol’ umpu wakhe…wathi nxa ewuthe wabethwa nguLerry ngevolovolo qu! khitha phantsi yaba ke kukuphela kukaMahlangeni…sisiphel’ eso sikaMahlangeni lowa ke wayehlabe u— u— abaa belungu bathathu yasisiphelo sakhe ke ngok’ eso…ngokubhekiselele ke kuMhlontlo…uMhlontlo wesaba waya kutsho kwelamaMpondo…akufika ke apho kwelamaMpondo e— kwakamsinyane imikhosi kaRuIumente yagaleleka kwelamaMpondo icel’ imvume yokumfuna okokuba mayivunyelwe izifunele athi k’ amaMpondo hay’ akakho athi ke uRulumente imikhosi kaRulumente masizifunele…ngoko ke kuyiloo nquleqhu phakathi kwamaMpondo noRulumente…uMhlontlo wesusa amadod’ aliqela wathi makayokumcelela indawo eLusuthu kuba ke imikhosi kaRulumente imvil’ ub’ ulaph’ emaMpondweni…esuka ke loo madod’ athubelez’ aya kufik’ emaDziyeni eLusuthu kwaLutholi endithi yayinguy’ inkosi yabeSuthu ngoko ndicel’ indawo wavuma…o— kwabonakal’ uba ngoku amadoda makabuye ezis’ iindaba ezo hayi asinakube siphinde ngoku sakuhamba phi…uTshayeni umfo wakwaNgxabane wathi hayi asinakuthunywa yinkosi ize singalus’ udaba…wesuka walishiy’ eloo shumi lamadoda weza kutsho kweli lizwe…waya waya kutsho kuNtabankulu…e— kukhw’ ihlathi ke kuNtabankulu yintaba ekusithili ngoku sakusaseNtabankulu…wafika apho wath’ akufika apho kwathiwa uNkos’ ukhon’ aph’ ehlathini…ke kaloku ke indlela yokuya kuye inzima…thatha amatye amathathu wawathatha ke kwathiwa uz’ ujule ilitye ujule ilitye ujule ilitye ukuba kuthe ke kwakh’ amaty’ ajulwa njengokub’ ujula nj’ aphuma ku— aphuma kulaa ndaw’ ikuy’ inkosi waz’ uba ithi yiza…waya ke wafika kukh’ ility’ elikhulu wajula ilitye lathi qho-o! wajul’ elinye lathi qho-o! wajul’ elinye lathi qho-o!…kwewu kwesuka kwathi qho-o! qho-o! qho-o! amatye kathathu esuka pha’ kulaa ndaw’ inenkosi wehla ke…kwathi ub’ athi thu wathi thu ‘s’ enje nj’ uMhlontlo ewupheth’ umpu ke ngok’ wathi Matshayeni Nkosi Matshayeni Nkosi Matshayeni Nkosi oo hayi ke wamamkela wawubeka phants’ umpu…hayi ke wafik’ uTshayeni wenz’ iindab’ ezi zokokuba uvunyelwe eLusuthu wamkelwe…hayi ke kwaye kunye nokufik’ oku kukaTshayeni kukho ngengomso kuza kubakho imbizo noRulumente e— imbizo e— le yokokuba kufunwa uMhlontlo…wesuka uMhlontlo wathi ndiyaya phay’ embizweni wathath’ umnqwazi isinkwana wasithwala gugxu hii! uya phi hayi ndiyaya uya kubelungu befuna wena hayi ndiyaya wathath’ umraji wawuqhobosha wathath’ udini lwakhe wahamba waya…akufika phaya ufika nxa esithi amaRulumente Mqikela uMhlontlo ulaph’ emaMpondweni ngoko ke vula uRulument’ azifunele…uthi ke uMqikela hay’ akakho kanti ke andinakuvula kuba ke le mikhosi ngoku iza kuphazamis’ abantwana…e— ath’ amaRulumente sithi vula sizifunele nxa ungenakumbamba…uthi ke uMhlontlo uth’ uMhlontlo hayi wethu ba— bavume— bavulele baya kukukhathaza…bavulele…baxelel’ uba uyabakhulula bazifunele baza kukukhathaz’ amaRulumente…uMqikela hay’ ziinkosi ndiyanikhulula ke niya kuzibonela ngokwenu athi hayi ‘be sifuna loo nto yab’ iyaphela k’ imbizo…was’k’ wesuk’ uMhlontl’ aph’ embizweni waza kuth’ apha…e— imikhosi kuRulumente iza kufik’ apha masihambe…aqokelel’ amadod’ apha hayi ke kwesukw’ ke kwafudukwa kwesatywa ke ngok’ emaMpondweni nguMhlontlo…ke ngoku kuthi nxa kukula mahlathi eli lasemaMpondomiseni kuba bahamb’ ebusuku emin’ abahambi…kuthi nxa kulaph’ emahlathini l’ asemaMpondomiseni uth’ uMhlontlo oo oo oo oo…ndiyalikhumbul’ ihashe lam

 

uGcazimbane
uZwe lezilingane
ndingumntu nje
int’ ehlal’ ihlal’ ifuduke
ndingumntu nje
int’ emxhel’ unge njengantsimbi
ndakubonga ndihleli phi na
Gcazimbane
Zwe lezilingane…

 

watsho walila…uthi ke uSomyalo hayi wenzani yeka loo nto hayi wazigqum’ uMhlontlo walila…uGcazimbane lo ke lihashe likaMhlontlo e’b’ ekhwela kulo kule mpi ilihash’ elimendu makhulu…ke ngoku lifileyo ihashe lithinjiwe kuMhlontlo ngamaBhaca…kuthe ngobunye ubusuku ngok’ ahambay’ uMhlontlo bengamadod’ amabini bahlangana namadod’ amabini…e— isici esasithathw’ emaMpondomiseni kuloo mfazwe nxa ufun’ ukuqondw’ ukuba yeyakuni na le mpi wawusithi sinika!…uya kuthi ke ukub’ uliMpondomise naye sinika!…bathi ke bakudibana nala madoda wath’ uMhlontlo sinika! athi la madoda sinika! kwabonakal’ uba ngamaMpondomise bee lamtsibel’ iBhaca lambamba laya kuwa naye phants’ uMhlontlo lathi ndanditshilo uba ndaze ndize naw’ uhleli…’s’ke lathi ngoko ke limbambiley’ iBhaca was’k’ warola isabil’ apha was’ke walihlab’ aph’ esiswini…hayi walidiliza walibulala wath’ esithi ehashini laye lemka— eli lingambambanga lemka nehash’ eli lakhe…wasel’ ebamb’ eli leliBhaca lifileyo yena wakhwela kulo way’ emkil’ uGcazimbane…ngoko ke lo Gcazimbane k’ athi uyamkhumbula wayethinjiwe ke yimikhosi kaRulumente ngolu hlobo ndilutshoyo…uthi ke nxa asezintsabeni ngoku ke esabel’ eLusuthu uthi k’ uyamkhumbula uGcazimbane…uthi k’ inyangaza lasemaMpondomiseni thula thula…hayi k’ as’ azigqume k’ uMhlontl’ alile…bahambe k’ indlel’ abo ‘s’ke lisuk’ inyangaz’ uSomyalo into kaMgqatsa is’k’ isuke ikhwel’ ehashin’ imke ibashiy’ apha…hayi ke bahambe ke bezimela ke bezimela ke bezimela ke uthi uMhlontlo nxa bevukayo ekuseni kwalapho ezintsabeni uthi oo oo oo oo oo yin’ uba ndiphuph’ ihashe lam yin’ uba ndiphuph’ ihashe lam…ath’ egqib’ ukutsho kube kubonakal’ kukho imithinz’ emibini ezayo athi nguye lowa uGcazimbane…as’k’ azokufika tyhini! nguye uSomyalo lo uye waya kumrola emikhosini yamaNges’ eKokstad wafik’ esesitalini waamba khon’ apho wasuka weza naye wafika wamnik’ uMhlontlo kwowu! ndakungena ngok’ eLusuthu ewe ndakungena…hayi ke ‘s’ke bahamba ke ngoku ke…kuthi ke ngoku ke ukuba bathi phaya eLus— e— nxa beya kuphumel’ eQhasha…’se bafike imikhosi kaRulumente ‘se ihlel’ apho…ibe le imikhosi ‘se isemva kwabo…uthi k’ uMhlontlo indlela inye ngoku kukuba sivule kwaba bantu bangasaziyo aba ‘se besikruqule basoyisa lo mkhosi wamaBhul’ ume phambi kweth’ awusazi indlela ke siya kuyifuman’ apha kuwo…hayi k’ ibe sese siji ke kuloo ndawo ke kuthi ke ngoko ke kuseso siji kubekho imbumbul’ ephuma kulo mkhos’ ungaphambili…e— ekubonakal’ uba kukh’ umnt’ oyindubul’ enkulu…ele kokub’ edubula kujub’ umntu elek’ kokub’ edubula kujub’ umntu le mbumbul’ elek’ kokub’ isiwa kujub’ umntu…kwabonakal’ okokuba le mbumbul’ ivela ngaphambil’ apha inye ayibethi konke phants’ ibeth’ emntwini…uthi ke uMhlontlo Nomantyane uNomantyane ke yayiyindubuli yomThembu eyayisabe kunye naye ma’khe sifune laa mbumbulu…baya kuphel’ aba bantu…’s’ke ke balale balale balale balale beyifuna le mbumbulu…kuthi kungephi heee-e bamthathe lo mf’ udubulayo kule mikhosi kaRulumente…wath’ ukugxuma kwakhe lo mlungu ‘ba esiwa edutyulwa nguMhlontlo kwow’! kwatsho esikhul’ isihii kwathiwa hii-i-i…yatsho yavula laa mikhosi baya kuqabela bahamba ke baya kungen’ eLusuthu…yaba ke ngoko k’ iphelil’ imfazw’ apha…uMhlontlo ke usabile waya kungen’ eLusuthu…ke uMditshwa ke wazinikela wagwetywa ke uMditshwa ke iminyak’ emithathu eRobben Island…waza ke uMhlontlo ke wahlala phay’ eLusuth’ esabile amashum’ amabin’ anesihlan’ iminyaka…kwathi ngok’ ahlel’ apho eLusuthu elo thuba…ngenye intsasa kwabonwa— wavuka waphuma wahamba…wemka kway’ kuth’ emini kakhulu wafika wafik’ apha kusenziw’ icawe ngabafundisi baseRoma…wafika wemisa…oo hayi bafundisi ndimisel’ uba mandizinikel’ ekugqobhokeni…ngoku ‘be ndinyukile phay’ entabeni ‘be ndiye kuzibulala…ndithe ndakufika phay’ entabeni ndathath’ iqhiya ndaziboph’ aph’ emehlweni ndifun’ okokuba ‘ze ndihle ndiziqengq’ eliweni…okunene ke ndithe nxa ndibalekayo uba ndisiya kwakho ilizwi elithi wena! ungenje njalo…ndazityhila ndafuna ndafun’ andabona mntu ndathatha le qhiya ndayibopha ke ngoku ndayiqinisa ndal’ uba ndisuke yangathi ndiyabanjwa ngengalo le kwathiwa wena! ungenje njalo hambozinikela…uya kufika phaya uya kufika kusenziw’ icawe uz’ ufik’ uthandaze…hayi ke kungoko ke ndithi ndiyazinikela utsho ke uMhlontlo kwaba bafundisi baseRoma…hayi ke wamkeleka ke ngoko wasecaweni…wamkileka ngoku wasecaweni kwa kamsinyane ezinikele wa— kukho umfo onguntamnani oliHlubi ngesiduko waya kulo mntu…hambokuxela kwaRulumente okokuba ndaba seBhulekane evenkileni ngemin’ ethile ungatsho ukuthi kutsho mna uxele nje wena into oyivileyo…hayi ke lafik’ olo suku wesuk’ uMhlontlo wahamba nonyana wakh’ uCharles wath’ ibandla malihlale waya kule venkile uth’ akufika phay’ evenkileni ub’ angene nje kwow’ aphum’ amaqakamba siyakwaz’ unguMhlontlo warol’ aph’ ivolovolo…ngubani na lo nimbamba ngokwenja bath’ ukothuka kwab’ ukothuk’ ivolovolo batsho babuy’ umva…andifun’ kubanjwa ngokwenja ndiyinkosi makuz’ imanty’ izokundithathe ndibanjwe ke ndingabanjisw’ okwenja…unyana ke wakhe uth’ akurol’ ivolovolo wafika wambamba hayi tata wenzani ngoku ub’ uthe nj’ uza kuzinikela kutheni ‘be ndiphathis’ okwenja nje bona…hayi hayi myekeni mbambeni nje mqhubeni ahambe musan’ ukumphatha…hayi ke wab’ uyabanjwa ke ngoku nguRulumente…akubanjwa k’ uMhlontlo liye lathethwa k’ ityala lakh’ eRini…enkundleni yamatyala eRini uth’ uTitus Fadane owayengumphulaphuli endandithatha kuye ke le ntetho ndiza kuyithetha…uth’ uMhlontlo ndinguMhlontlo inkosi yamaMpondomise…ke kaloku ke ngamhla uthile kwafa imantyi…yakuba ifile ke imantyi ndibize ndithume uAbeli Phatho ukuba ayokubiza iMpondo elinguMkreqo ndalibiza k’ iMpondo…ndithe kulo maliye kuxela eMthatha ukuba abelung’ apha bafile ke befile ke makuzokuthathwa amabanjwa abulele uRul— abantu bakaRulumente…ke kaloku ke kunjalo kunjalo sibone ngempi yomlungu ‘se ingene phakathi kwethu laba ke njalo ilizwe liyafa…kufunwa ingqina…lithi k’ ibali ‘se babone ‘se kukhutshw’ umntu apha phantsi ukuvulwa esiy’ emkhumbini…’s’k’ angene lo mntu phay’ emkhumbini hayi ndinguMkreqo iMpondo…kwafika kum uAbeli Phatho esithi ndibizwa nguMhlontlo ndiyile apha kuMhlontlo uMhlontlo ufike wathi yiya edolophin’ eMthatha uyokuxela uba uHoph’ ufile ke ngoko mabazokuthathwa abelungu…okwenene ke ndisukile nday’ eMthatha…singamadod’ aliqela sithe ukuba sibe ngeneno kwebloro le yaseMthatha…kwabuzwa uba niyiyiphi na sithe ukuphendula singamaMpondomise ‘s’ke zabekw’ iimbumbulu…sahluthwa naloo mahashe ngoko k’ oloo daba lukaMhlontlo ‘zange ndiluse…isigwebo ke sithi Mhlontlo uya— uyakhululek’ enkundleni akunatyala lakubulala Hophu Hamilton Hophu nabakhe impazamo ibe sebuRulumenteni…ngoko ke ukhululwa ukuba mawuphathe ilizwe lakho njengoko wawuphethe…waba k’ uyakhululeka…ke ulawulo k’ akuba ephumile aluvumanga okokuba makabuy’ aphathe konke na ke ezolawulo k’ andizazi ukuba zenza njani n’ ukuma kwazo azange luvume mpel’ uba aphinde abe ngumntu ongukumkani wamaMpondomise…ewe ulawulo kodw’ isigwebo sona sawa ngolu hlobo nditsho ngalo…ke kaloku ke uMhlontlo ke wabuya ke malunga no1910 uba akukho ngowaza kutsho ke kweli lizwe wahlala ke wahlala ke wabhubha ebhubhela ke e— kwesi sithili sakuQumbu…e— apho ke wathi wabhubhela khona kule ndawo ke l’ inonyana wakhe ophetheyo ke ngoku uNtabankulu ifihlo lakh’ apho likhona wabhubha k’ apho ke uMhlontlo…ke ngenxa yeso senzo ke baba ke ubukhosi basemaMpondomiseni buvuthulukile abukho mgangathweni njenge zinye njengezi ndawo zintathu kuba apha eTranskei bubukhosi bamaGcaleka e— obathi ‘ze bube phantsi koRulumente uSarili ukumkani wamaGcaleka wazinikela ngemfazwe kaNgcayechibi…bubukhosi babaThembu ekwathi ngo1875 uNgangelizwe ukumkani wabaThembu wazinikel’ ebuRulumenteni…bubukhosi bamaMpondo obathi ngo1864 ukumkani wamaMpond’ uSigcawu wazinikel’ ebuRulumenteni…bubukhosi bamaMpondomise owath’ ukumkani wamaMpondomis’ uMhlontlo ngo1873 wazinikela kulaa mfazwe kaPhakani…iTranskei le ke imi ngoloo hlobo ukuma nendlel’ eyangena ngay’ ebuRulumenteni…yangena ngoloo hlobo izwe k’ ibe lilizwe lobuRulumente…ngoko ke uMhlontlo wabhubha ke wabhubha ke eshiya unyana wakhe uCharles…uCharles ke owathi ke wanamabal’ amabi kakhulu ngohlobo lokubonakal’ uba akanakwamkeleka e— e— e— ebuRulumenteni ewe…uCharles ke uzele uSigidi uSigidi ke othe ke wamkeleka kuRulumente waza ke ngesiphosiso athi wesenza sokulwa namapolisa wakhutshwa…kuminyak’ eyedlulayo ngoku ke kwakhona ‘sel’ elikhuphil’ uRulument’ uba uza kuphind’ ambuyisele ewe esihlalweni sakhe…ke uMditshwa akuba ke yena ebuyil’ etilongweni…e— wafika wabhubha ebhubhela ke apha kule ndaw’ inekomkhul’ eliya ‘be siye kulo…eshiya ke unyana wakhe uMtshazi…uMtshazi ke owathi wathathwa ngabafundisi bamsa eEnglandi ezikolweni waza ke wabuya waya kwakha kwakhon’ apha othe ke wabhubha naye wabhubhela kwa kulaa ndaw’ ikomkhulu likuyo…ke uMtshazi ke washiya uLutshotho…unyana wakhe— unyana wakhe ke owathi e— nxa iinkos’ ezi zazinikwa iintonga yiPrince-of-Wales akayinikwa yaza loo nto yamkhathaza kakhulu…kwaza kufika umfo owayesithi uvela kwelakuni eAmerika onguDr. Wellington wajoyina kuloo mfo awathi ke akujoyina kuloo mfo kwabonakal’ uba hayi ke ebuRulumenteni makakhutshwe wakhutshwa ke…kwathi kwa kamsinyane akucel’ uxolo wabuyiswa ke wabekwa kwasendaweni yobuChief…uthe ke uLutshotho Iowo ke unyana wakhe wabhubha washiya unkosi lo ‘be sinaye ke uDiliza ewe…njengokuba ke ngomGqibelo l’ uzayo uya kuba phaya ke uSigidi unyana kaCharles ephaya ke uDiliza unyana kaLutshotho…ezo ke zingotya zamaMpondomise zeli lizwe liphakathi koMthatha noMzimkhulu koLundi namaMpondo ewe…ke liphela njalo ibali lamaMpondomise endinamanakani alo.

This entry was posted in Uncategorized. Bookmark the permalink.

13 Responses to AmaMpondomise

  1. Caca says:

    Ndingu ndungwana isiduko ngu CEKESHE ifani ndicela ukwazi kabanzi ngalendlu kandugwane kuze kubekho lefani ivelaphi okokugqibela ndicela izibonngo zakwa ndungwane, ubhejula, uyem yem, usophithsi, uvela mambhentsele

    ndiyabulela

  2. Zolani says:

    AmaNdungwana bayazalana noo Madiba. Mandibeke ingca apha ndiyabuya

  3. mbulelo pani says:

    i would like to find out if the Xhosa are an ancient people and when they arrived in south africa

  4. Mzingisi says:

    I love this history it teaches me more about myself as umXhosa(Mpondomise). But now can you send me something about my clan name “Nziphazi.”where do the Nziphazi`s came from and their “ubani wazala ubani njl,njl.

    Enkosi

  5. Belinda Nobubele Kopeshe says:

    Molweni ndicela ulwazi ngabantu bakwa Kopeshe imvelaphi yabo

  6. Tsiiii Ityebile Iteketeke Lembali Ndirhabule Ndakholwa.

  7. Ayityebanga Iteketeke Ndirhabule Ndakholwa Mntanomhle.

  8. Ndingu Khwetshube U Xhanga.

  9. ndiphiwe majobela says:

    Ndinomdla wokwazi ngomnombo ka zumbe ukuya konyana bakhe kananjalo ukuba ubandakanyeka phi,njani,ndawoni emampondomiseni

  10. Makhosini Cwele says:

    Yo yatsho kamnandi ndatsho ndazazi nam kodwa ke ungandipha umlando weclan yam uCwele uThokazi ivelaphi yakhe.

  11. Msikelelo says:

    Mqhwathi, uNzolo, uNzila, uNzothwana, uMnyamana. What follows?

  12. Mandla Ndeya says:

    Khandinabele ngesiduko nemvelaphi yo Nzaba abesuthu

Leave a reply to Xolile Mchithakali Cancel reply